UModise udize okubangele ahambe kwiDowns

UTeko Modise ngumdlali omtsha weCape Town City.

Omnye wabadlali abanesiphiwo sokudlala ibhola ekhatywayo esingumangaliso eMzantsi Afrika, uTeko Modise, ubhengezwe ngokusesikweni njengomdlali weCape Town City namhlanje. Injengele (isiteketiso sakhe) isuka kwiMamelodi Sundowns – apho angasihlaziyanga khona isivumelwano sengqesho esitsha kuba ekhangela indawo enokumsebenzisa ngcono kwisizini ezayo. UModise, 36, uhleli iminyaka eliqela kwiDowns kwaye uqhayisa ngenqwaba yeendebe aziphumeleleyo kuyo eziquka iindebe ezimbini zePSL, iCaf Champions League nezinye.

“SiyiCape Town City sinovuyo lokwazisa uTeko Modise njengomdlali wethu. Lo mdlali uzimisele ukulincedisa eli qela ngazo zonke iindlela,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiCape Town City namhlanje ekuseni.

Ukugaleleka kukaModise kuzindaba ezimnandi kwiCitizens ngeendlela ezininzi ngakumbi ebaleni – apho amava awaqokelele ngethuba edlalela i-Orlando Pirates, iDowns neBafana Bafana azakusebenza khona kakhulu. Ngenxa yemali esebholeni kule mihla, akukho mntu obelindele kube lula ukuhamba kukaModise kwiDowns eyaziwa kakhulu ngokubhatala kakuhle abadlali bayo – kodwa uhambile ngoba unomnqweno wokudlala ibhola.

“Zininzi izinto endiye ndaziqwalasela – kodwa ndiye ndaqonda ukuba ndisengumdlali webhola; ndifuna ukudlala ibhola. Kuye kwanyanzeleka ndizibuze imibuzo: ingaba ndifuna ukudlala ibhola okanye mandizikhathaze ngezinto ezingaphaya kokudlala ibhola? Ndiye ndakhetha iCape Town City – bekufuneka ndibe lapaha,” utshilo uModise ngethuba encokola kwiMetro FM ngolu rhatya.