#NAF2017 – Amayeza esiNtu nokubuya kukaNxele

Tolakele Silo ebalisa ibali, eRhiniUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Phakathi kwemixhentso, imiboniso kunye neminye imisebenzi yezobugcisa ebiseRhini kuMnyhadala kaZwelonke owaziwa njengeNational Arts Festival, kuye kwakho nenkqubo engokubuya kukaNxele.

NgoLwesine wale veki iphelileyo abe-Inqaba yeeNzwakazi besebenzisana necandelo leelwimi leYunivesithi iRhodes badidiyele umqombothi, bapheka umngqusho nemifino, babonisa ngesinxibo sesiNtu kunye nezixhobo ekunokuthiwa zibonakalisa inkcubeko yomXhosa.

Bekukwakho nemidlalo yeqonga kunye neentsomi zabantwana beLisahluma.

Ukanti bekukwakho noNosakhele Qhakamfana, oligqirhakazi eRhini, Ext. 6 eLingelihle, othabathe eli thuba ukuba abuyisele abantu eMbo.

UNosakhele uqhumise impepho, wanqula, wazithutha phambi kokuba achazele inginginya ngolwazi aliqulathiswe zizinyanya, olukwayindlela elula abantu bamandulo abebephila ngayo.

“Ndikhethe ukuba ndizokubonisa abantu ngendlela elula ekwakusenzwa ngayo usana oluzalwayo ukuze likhuseleke kwimimoya emibi, nekugutyulwa ngayo ubumdaka oluzelwe nalo.

Ngomhla wokuzalwa kosana, mandulo kwakuthatyathwa isicakathi, isicakathi ingaziingcambu zomvenyathi okanye ezenkunzane ezixutywa neqhekeza lomchamo wemfene.

Lo mxube uye ugalelwe entweni ecikwayo, emanzini abandayo, utsaliswe iiyure ezintandathu wandule ukugalelwa kwintseza, lusezwe usana, kumane kusenziwa umxube omtsha ngelanga, ade umntwana akhase,” utshilo uQhakamfana.

Ugqithele ke esithi akanokusishiya isilawu ekuthiwa ngundlela zimhlophe.

“Undlela zimhlophe ziingcambu owenza ngazo isilawu, othi usiseze inkomo phambi kokuba ihlatywe, siyaphehlwa (isilawu) kuthatyathwe ixhayi eli lokuphehla kuqatywe emagxeni enkomo yandule ukuhlatywa. Wena mntu obesenza lo msebenzi ungaphinda usebenzise esi silawu sinye, wenze omnye umxube ngondlela-zimhlophe uhlambe isiqu sakho. Yonke into ibikugqwalisa, nebixabe endleleni, izakushenxa endleleni yakho, utsho ubhaqwe naziintombi/abafana,” utshilo uQhakamfana.

Ukuba akunawo amava ngala mayeza cela uncedo, ungazenzela xa sele lowo ukufundisileyo ekukhululela, nawe ugqithise ukwenzela isizwe singaphulukani nembo ngophoyiyana.