Lehlile inani lokubhubha kwabakhwetha!

Umfanekiso: Siegfreid Modola

 

LEHLILE inani labakhwetha ababhubhe esuthwini kulo nyaka eMpuma Koloni xa kuthelekiswa neli xesha linye kunyaka ophelileyo. 


Othethe egameni lesebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli uMamnkeli Ngam, uthi kuyabavuyisa oku. 


”Ngeli xesha kunyaka ophelileyo besifike kumashumi amane, kulo nyaka balishumi elinesibini kuphela abantwana ababhubhileyo, abathandathu kubo batshele endlwini yabo ayiyonto inento yokwenza nesiko,” uthethe watsho uNgam.


 Iphondo leMpuma Koloni lisoloko linegama elibi ngenxa yenani eliphezulu labantwana ababhubhela esuthwini.


 “Ngaphandle kwamathandabuzo lo mthetho umtsha wezolwaluko usincedile ukuphungula eli nani, kodwa sifuna ukuba kungabikho nomnye umntwana obhubhayo ukusukela ngoku,” utshilo uNgam.

 

Ingxelo kaNgam ithi babini abakhwetha ababhubhe kumasipala waseBuffalo City, babini eJoe Gqabi , abemnye eChris Hani, umnye nowaseDimbaza.


“Siwuncoma kakhulu umsebenzi owenziwa ngooMasipala eAlfred Nzo naseAmathole kwanoluntu lwephondo ngokubanzi,” utshilo uNgam. 


USihlalo wekomiti ejongene neengxaki zolwaluko eNyandeni, uNkosi uLulama Gwadiso, uyakungqina ngenene ukuba wehlile umsebenzi kulo nyaka. 


“Eyona ngxaki inkulu ngabantwana abancinci aboluswa ngokungekho mthethweni,  ngenxa yentsebenziswano nabo sikwazile ukubahlangula,  siyathemba ukuba sizakuvala kungekho zingxaki zintsha,” uthethe watsho uGwadiso.

 

Ekuqaleni kwale nyanga, uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli uFikile Xasa,  ujikeleze kwiindawo zokwalusa kumasipala waseNyandeni ekhangela ezo zingekho mthethweni.


Kulo msebenzi wafumana ibhuma ezintathu ezingekho mthethweni,  nekwathi kwahlangulwa kuzo abakhwetha abangekafiki kwixabiso lokwaluka. 


“Sizivalile ezi sizibonileyo iindawo zokwalusa ezingekho mthethweni, kodwa sisakhangela lo mfo kuthiwa nguMtshayina, ndizakucela amapolisa eZwelitsha ukuba asiboleke inqwelo-ntaka sikhangele uMtshayina,” uthethe watsho uXasa. 


UMtshayina yenye yezi ngcibi ezingekho mthethweni eziqhubekayo zisalusa eNyandeni.