Ubanjiwe umfana odlwengule unina

Unkosikazi welali yaseKuthuleni kwidolophu yase-Elliot, oneminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo ubudala, udlwengulwe endlini yakhe ngunyana wakhe ominyaka eyi-24 ekuqaleni kwale nyanga yeKhala. Umrhanelwa uduke isithuba esingangeveki engabonakali nange tshengele. Ngomhla we-10 kweyeKhala, umhranelwa ubhaqwe erenkini ngabaqhubi beetekisi baze bambamba bamnikezela emapoliseni. Inkumanda yamaPolisa alammandla, uCol Gezani, ubulele abahlali. Uthe esi siganeko  sibonise ubambiswano nomanyano phakathi kwamaPolisa kwakunye nabahlali nokubaluleka kwalo kukhuselo loluntu kunye nokulwa ulwaphulo-mthetho.