Ulutsha luxhotyiswe ngeendlela zokuqubisana nokuphathwa gadalala

Bangapha kwekhulu abantwana abangamaxhoba okuphatheka gadalala kumakhaya wabo, abaphuma kwiilokishi zaseMonti, abathe bakuqeqesho lweentsuku ezine kwimpela-veki esisuka kuyo, apho bebefundiswa ngeendlela zokuqubisana neemeko zokuphatheka kwabo gadalala.

Olu qeqesho belubanjelwe kwikhaya eligcina abantwana abangamaxhoba empatho-mbi iSange Youth and Child Care Centre ngaseMdantsane. Amaxhoba ebephuma kwiindawo ezifana neReeston, Scenery Park, Chiken Farm, Biko Village, Mdantsane kwakunye neendawo ezingqongileyo.

UMfundisi uThobela Peter Phelisile wombutho iLiving In Peace Victim Empowerment, nayo ejongene nokoluleka amaxhoba alo naluphina uhlobo lokuxhatshazwa obethethela le nkqubo uthe, babone kubalulekile ukuba kweli ityeli abantwana babadibanise kwindawo enye bebasusa ezilokishini apho bajongene nemiceli-mngeni yeziyobisi neengxabano zabazali babo eziye zibachaphazele.

Uthi eli lixesha leholide apho abantwana bachitha imini yonke emakhaya, babona kwanto ethi yenzeke kwiintsapho zabo.

“Ngokuba sithe sabagcina apha ezi ntsuku bazokwazi ukuba baphoswe zezinye zezinto eziqhubeka kwiindawo zabo zokuhlala. Enye yeenjongo zokuba sibadibanise sifuna ukukhupha iinkokeli zelizwe, siyabafundisa nangendlela umntwana anokuthi azikhethele yona ekukhuleni,” utshilo uPhelisile.

Abantwana bakwanikwe nethuba lokudlala ibhola ngendlela zokonwatyiswa kuba kusithwa abanye bazintloko kumakhaya abo, ithuba lokudlala nelokukhula abasalifumani.

UPhelisile uthi kwezinye zezinto abathe baziqaphela njengoko bona behamba besomeleza abantwana ezikolweni, kukuba ngokwenza ngokwabo uqeqesho akubancedisi nganto, babona ukuba kwakuthi kubengcono ukuba ibengabantwana abaxelela abazali babo izinto ezingalunganga abazenzayo abazali, ezifana nokuthunywa kwabo utywala kwakunye namacuba kwiindawo zentselo.