Bazam’ ukuphanga eKhayelitsha

Amapolisa akhangela omnye wabarhanelwa abakhuthuze ivenkile yakwaCash Crusaders eKhayelitsha Mall. Omnye kubarhanelwa udutyulwe entsuleni ngethuba ezama ukubaleka, umcoci naye wonzakala ngethuba oonqevu bethulula iimbumbulu. UMFANEKISO: PHANDO JIKELO

Kapa:

Kubanjwe kwavalelwa umrhanelwa wamnye logama omnye ebeleke abasicatyana kwisiganeko sokuphangwa kwevenkile ethenga ithengise iCash Crusaders kudederhu lweevenkile eKhayelitsha ebutsheni bale veki.

Iingxelo zidiza ukuba kungene oonqevu abathathu kula venkile banyanzelisa ukunikwa iminxeba yesinqe yabasebenzi, naleyo ithengiswayo.

Kudizwa ukuba bathathe imali ibikhona ethilini, ikhompyutha ephathwayo ibiyokuthengiswa kwanemali yabasebenzi.

Usomlomo wamapolisa aseLingelethu West, uSajini Xoliswa Nyalambisa uthi, “Abarhanelwa abathathu bangene kwivenkile bagunyazisa umanejala abanike isitshixo sesefu yemali, uthe wala ebaxelela ukuba izitshixo azihlali kuye. Uninzi lwezinto ebebezithathile zifumanekile kuba nalowo ubalekileyo uye wayilahla phantsi imali ngethuba eleqwa ngabahlali.” Iingxelo zidiza ukuba kudutyulwe abantu ababini, omnye kurhanelwa ukuba usebenza njengomcoci kolwa dederhu lweevenkile, logama omnye engusomashishini onestandi, kodwa akukabikho siqinisekiso sokuba badutyulwe ngoonqevu kusini na. Ingxelo yamapolisa ithi umrhanelwa obanjiweyo uneminyaka engama-25 ubudala kwaye uzakuveka enkundleni kamantyi kungekudala. Iingxelo zidiza ukuba umrhanelwa wesithathu ubalekele kuphahla lwevenkile, nangona kunjalo amapolisa akhangele abuya ngaphandle kwakhe.