Zuma: Asizontshaba, singamaqabane

UMongameli Jacob Zuma ngoLwesithathu ngethuba evala inkomfa yesihlanu yemigaqo-nkqubo ye-African National Congress eRhawutini. UMFANEKISO: Jonisayi Maromo

 
Umongameli Jacob Zuma uyivalile inkomfa yemigaqo-nkqubo yeANC eNasrec eRhawutini ngenjikalanga yangoLwesithathu, ebongoza ukuba maziphele izigqubu ezisengelana phantsi kulo mbutho.
 
Le nkomfa itsale iintsuku ezintandathu apho abathunywa bebexovula intlaninge yemigaqo-nkqubo ephakanyiswe ngamasebe alo mbutho.
 
UZuma uthi wonelisekile yindlela ekuxoxwe ngayo kule nkomfa. “Simanyene kakhulu, kunendlela ebesize ngayo kule nkomfa. Le nkomfa iqhube ngempumelelo engummangaliso,” utshilo uZuma.
 
UZuma uthi abathunywa bakwaxoxe ngamandla malunga nombandela wezigqubu zamalungu alo mbutho alwa ngezikhundla, esithi ukuba oku akunqandwa kuza wubulala  fi lo mbutho.
 
“Kufuneka siyazi into yokuba asizontshaba, singamaqabane. Umbutho wethu uphulukene namaqabane anamava ngenxa yepolitiki esekelezelwe kwizigqubu. Kufuneka siyiphelise le nto, yokusengelana phantsi,” kutsho uZuma.
 
Njengokuba kusiyiwa kwinkomfa yolonyulo ekupheleni konyaka, uZuma ucebise ukuba iANC mayiphonononge umgaqo-nkqubo wokuba umbutho ubenoosekela-mongameli ababini, ukuze iqela elibethwe kwinkomfa lifake umgqatswa walo wobumongameli kwisikhundla sobusekela-mongameli.
 
“Ipolitiki yezigqubu iyayibulala iANC, ngoku ingathi singamaqela amabini kwiANC enye,” utshilo uZuma.