ZAHARA: “Andimkrexezelanga u-Amaza”

LE mvumikazi ithande ukuba ngundaba-mlonyeni ithi ayimdyolelanga uAmaza, koko bohlukene ngenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo.
UZahara ubhalele abalandeli bakhe bakaFacebook esithi ngenxa yokuba engumntu “ofihlayo” behlala esenza ngathi yena nomsasazi woMhlobo Wenene FM uAmaza Ntshanga, basekunye.

Nangona bedyole iminyaka emihlanu nje, kwaye bekulindeleke ukuba bazimanye ngeqhina lomtshato kulo nyaka kumsitho bekulindeleke ubembeje-mbeje, uboniswe kwiTop Billing, uZahara nosapho lwakhe bazigodusa iinkomo zelobola zazikhutshiwe ngulo msasazi.
Kwinqaku lephephandaba laseRhawutini, licaphule le mvumikazi isithi: “Bendingenokwamkela into ekubeni ndiyazi ukuba ayiyiyo le ndoda ndifuna ukuyitshata.”
Uxelele eli phephandaba ukuba ubudlelwane babo bebungenakusebenza kuba waqaphela ukuba yena noAmaza ababelani ngombono omnye.
“Andifuni kuthetha ngokohlukana kuba bilixesha elinzima kakhulu kum eliya. Bendifuna indoda yokwenene, yena bengandilungelanga. Yena ungcono koko akwenzayo, kwaye andifuni ubomi bakhe babucala buchaphazele umsebenzi wakhe. Akakwazanga ukundithanda ngendlela bendiyifuna kuba bengandilungelanga,” ucatshulwe esitsho.
Ukanti ngoku uZahara ubonwa nendoda entsha egama linguSihle, ekubonakala ukuba ngumntu wakhe omtsha adibene naye kwezinyanga ziphelileyo!
Abalandeli bakhe babeneembono ezohlukeneyo ngalo mbhalo: