‘Sakuzibhaqa sesidlala kwaNational First Division’

Masiphiwe Mehlwana

Omnye wabalandeli be-Orlando Pirates uxhalabile kakhulu emva kwesizini embi. I’solezwe lincokole nendedeba ethi makubekho into eyenziwayo phambi kokuba konakale kakhulu.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Molo nawe Bhuti. Kuhle, kunjani kuwe?

PM: Ndiphilile nam. Gqaba gqaba, khawuzazise?

Umlandeli: NdinguMasiphiwe Mehlwana, ndihlala kwaNU 8 apha eMdantsane.

PM: Uqale nini ukulandela iPirates?

Masiphiwe Mehlwana: Ukulandela iPirates ndaqala phaya ngo-2005, akukudalanga noko ngoba ndisengumntu omtsha. La bhola ikhawulezayo idlalwa liBhakaniya yeyona nto eyandinika umdla kakhulu apha kuyo.

PM: Sikuvile tata. Sesiphi isiganeko ongasoze usilibale?

MM: Esokuqala kukuphumelela kwethu iChampions League ngo’95. Ngaloo nyaka iPirates yaphakamisa iflegi yelizwe. Yaba liqela lokuqala eliphumelele indebe yeCaf apha eMzantsi Afrika. Soze ndiyilibale into eyenziwa nguRud Krol, owathatha iindebe ezintathu, walandela ekhondweni no-Augusto Palacios. Eyona nto ibuhlungu yile yenzeke kwisizini ephelileyo, esingakwazanga nokungena kwiTop 8.

PM: Uziva njani emva kwesizini ephelileyo?

MM: Kukho abadlali abadiniweyo kukudlalela iPirates. Ingase bakhululwe phambi kokuba sizibhaqe sesikwaNFD. Sidinga isekela-mqeqeshi omtsha, andiyiqondi indima kaBenson Mhlongo. UTeboho Moloi wayengcono. Andimgxeki umqeqeshi, ingxaki ilapha ebadlalini.

PM: Ngubani umdlali omthandayo?

MM: NguTendai Ndoro. Ndiyayithanda indlela adlala ngayo kwaye uyawenza umahluko xa ekhona ebaleni.