Ugwinte abafazi ababini, ebatyhola ngobugqwirha

UMkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uLieutenant General Liziwe Ntshinga, usikhalimele isehlo esenziwe yindoda yaseNgcobo egwinte abafazi ababini kuba ibatyhola ngokuthakatha.

Ingxelo zithi le ndoda, eneminyaka engamashumi amane anesibini yelali yaseSundwana, iye yagaxeleka kwingozi yemoto ngethuba isiya kowayo. Kulapho iye yatyhola umama wayo, nodadobawo wayo, isithi bayithakathile.

Ekubatyholeni, le ndoda ihlasele unina okwiminyaka engamashumi asixhenxe anesibhozo yambulala, yandula yaya kudadobawo wayo okwiminyaka engamashumi amahlanu anesithoba, naye yambulala. Ithe yakwenza esi sihelegu, yaphela enyanyeni.

UNtshinga uthi ayikholeleki eyokubona amakhosikazi amadala esatyholwa ngokuba ngunobangela welishwa.

“Kufuneka siyinqandile le nto kwaye abenzi bobubi baziswe ngaphambili. Iqela labaphandi bethu, phantsi kwesikhokelo sikaKapteni Mziwanele Mayongo, lilo elixakeke luphando ngakulo mrhanelwa,” utshilo uNtshinga.

Ngethuba sibhala eli nqaku, umrhanelwa ebesaduk’ amathafa ekhangelwa ngamapolisa.