UKurt Lentjies ulibangisa eMpuma Koloni

Kurt Lentjies, Captain of Maritzburg United during the Absa Premiership 2016/17 game between Maritzburg United and Baroka FC at Harry Gwala Stadium in Pietermaritzburg, KwaZulu-Natal on 14 April 2017 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Iqela laseMpuma Koloni elidlala kwi-Absa Premier Soccer league, iChippa United, lityikitye umdlali walo wokuqala othe qabavu phambi kokuvulwa kwesizini entsha ngoKurt Lentjies. Lo kaLentjies ngomnye wabadlali abadlale indima ebalulekileyo ekuhlangulweni kweMaritzburg United ezembeni kwezi sizini zimbini ezidlulileyo kwaye ukwangomnye wabadlali abaqaqambileyo kwiPSL ngokubanzi.

ULentjies ushiya iTeam of Choice emva kokudlalela yona iisizini ezintandathu zonke – ngoku uzakuncedisa iChippa United ehlanganisa izikrweqe zayo phambi kwesizini entsha emva kokutsala nzima kwisizini ka-2016/17. “Ndihleli iisizini ezintandathu apha, lifikile ixesha lenguqu. Belisekhona ithuba lokuhlala kwiMaritzburg – kodwa siye savumelana nayo ukuba kungcono ndiye eMpuma Koloni ngoba ikufutshane nosapho lwam oluseKapa,” utshilo uLentjies kwikhasi lomnatha leMaritzburg United namhlanje.

Ngaphandle kwamathandabuzo ukuhamba kwalo mdlali yilahleko kwiTeam of Choice – kodwa kuza kuyinceda kakhulu iChippa United ekumele yenze ngcono kwisizini ezayo kunaleyo edlulileyo. “Ndonelisekile kuko konke endikufumene kwiMaritzburg United. Soze ndiwulibale umdlalo esasindiswa nguwo ezembeni sidlala neJomo Cosmos nesikwenzileyo kwisizini edlulileyo. Enkosi kakhulu ngothando enisinike lona,” utshilo uLentjies.

Usihlalo weli qela laseMgungundlovu, uFarook Kadodia, wenze ilizwi lombulelo kulo kaLentjies. “UKurt usenzele umsebenzi omhle kakhulu apha kwiMaritzburg United. Njengokuba ebengukapteni, ububonakalisile ngokwenene ubunkokeli bakhe – kodwa ke ngelishwa ebholeni akukho mntu uhlala naphakade endaweni enye,” utshilo uKadodia.

Emva kokuvala kweendaba ezithi uThamsanqa Sangweni uyahamba kwiChippa, ubukho bukaLentjies buzakuba lulutho kakhulu. Omnye omntu othe qabavu ofikileyo nguTebeho Moloi ozakusebenza njengesekela likaDan Malesela xa kuvulwa isizini.