Indima yoomama kwisiko lolwaluko

Aba ngoomama belali yaseChizela eDutywa ngethuba besakhela oonyana babo ibhuma

Kwasemandulo oomama babenendima ebalulekileyo abayidlala kwisiko lolwaluko.

I’solezwe lityelele oomama baseCambridge eMonti, lafika besika ingca belungiselela ukuyokufulela ibhuma, nanjengoko liqalile isiko lolwaluko. Aba mama bathi umntu othi indima abanayo kulwaluko, akanalwazi luphangaleleyo.

Le ntetho, iza kwizankxwe zamadoda ahlala nje esithi oomama abangeni ndawo, okanye abanayo indima kulwaluko. UNokhanyiso Voyi uthe ininzi inkxaso abathi bayenze kulwaluko lwabantwana babo efana noku: “Oomama ngabo abaphotha intambo, bephothela inkwenkwe xa ingcanyiswa (udadobawo wenkwenkwe), oomama ngabo abapha ingca ukulungiselela ibhuma lomkhwetha, ikwangabo nabaye bakhe ibhuma kwezinye iindawo. Ikwangabo abaqinisekisa ukuba umkhwetha utyile akalambanga nangona nje kungasiwa ngabo ebhumeni.”

Aba mama bathi yinto abakhula isenziwa leyo kwangookhokho eyokuba ingca ikhiwe ngoomama. Bathi abangeni esuthwini bayayazi lo nto.

UXoliswa Kalipa uthe: “Ngamanye amaxesha xa kusezilalini siyayikha ingca, sakugqiba silakhe ibhuma, kodwa elokishini sikha ingca, ootata balakhe ngokwabo ibhuma.”

Ukanti sikwafumene uluvo oluhlukileyo kwabazingcaphephe kwezakwaNtu.

UPhuthumile Cebo Fuyani, ichule kwimiba yesiNtu, uthi ngenene lisiko lidala ukuba oomama bathabathe inxaxheba kulwaluko lwamakhwenkwe.

Ukufula ingca kwanokwakha ibhuma, yayingabo kwakudala, ukugqiba kwabo bombele usomagwaza banikwe utywala obabubizwa ukuba yijumba nangona nje kule mihla sele ithathwa ngootata.

“Xa oomama besakha ibhuma kwakukho nento eyenziwayo kubo kudala, baqhize iifasikoti ukujonga ukuba abasongelanga zinto zimdaka kusini na. Umama womkhwetha uyazila kuquka nomntu ozakuphekela umkhwetha,” utshilo uFuyani.

Kwakhona uLoyiso Nqevu, ingcali kwimiba yesiNtu, uvumelene nelo lithi umntu ongumama unoxanduva olukhulu ekolukeni kwenkwenkwe leyo, into engasoze ijike.

“Inkwenkwe inabazali ababini kwaye umntu ngamnye kubo unoxanduva ekolukeni kwayo. Amalungiselelo okwaluka kwenkwenkwe enziwa ngoomama, okokuqala xa inkwenkwe izakwaluka kwenziwa ingxelo, utywala obo busilwa ngumama. Ikwangumama oququzelela ukuba kufumaneke intwazana enyulu ezakuphekela umkhwetha ingakumbi kweza ntsuku zisibhozo zokuqala yolukile,” uvale ngelo uNqevu.

Kusenjalo, kwanengoma yezibazana ihlatyelwa ngumama xa inkwenkwe yomXhosa igqiba kungcama, ishiya ubuhlanti isiya kwaluka.