Silumkele ukuba nomsindo sodwa

Xa ubukele amalungu asePalamente encitha-ncithana phaya kwaye uzibhaqe uxhasa izimvo zothile, ingaba na ikhona into ethi caphukela lo ebephikisana naye?

Okanye apha eMpuma Koloni; ukuba sithi kukho ugqatso lokuba yinkulumbuso – uMasualle ukukhuphiswano noMabuyane. Ingaba wena mntu uxhasa uMasualle uzakucaphukela abalandeli bakaMabuyane? Okanye wena mlandeli kaMabuyane uzakucaphukela abakaMasualle? Masithi ke wena ushiyeka ubacaphukela. Uyakothuka uyokuwa phaya kude xa ubona kwa aba bantu bebethukana epalamente behleli bobabini kwiindawo zolonwabo ebusuku; bencokola njengezihlobo. Ikubeke phi kengoku wena mntu okhethe icala? Xa uMasualle noMabuyane bencokole, begcine ubuhlobo babo, babe bona abalandeli babo bejongene ngamehlo abomvu, lo nto ithetha ukuthini?

Ingaba kunyanzelekile ukuba abalandeli bazondane? Yintiyo nomsindo osuka phi na lo? Ingaba iinkokeli zethu zenza okwaneleyo ukufundisa uluntu ngomba wokuba ipolitiki neza zinto bazenza epalamente ngumsebenzi kuphela kubo? Ayithethi ukuba abafunani. Ewe, likhona igcuntswana elifana nomphathiswa othile wamashishini asakhasayo ongafuniyo nokuwabona amalungu athile oonobomvana (EFF). Siqinisekile noMalema akanokufuna ncam ukubonwa ehleka nomongameli, nangona isenokwenzeka lo nto.

Kubalulekile ukuba xa siphantsi kwenkqubo yolawulo lwesininzi sikwazi ukunyamezelana; sinyamezele izimvo zabanye, iinkolo zabanye, inkxaso yabanye, njalo-njalo. Iyantlukwano yile nto yenza ubomi bubemnandi. Eyokuba sicaphukelane ngenxa yokuba ubani uxhasa ubani ongamfuniyo, ayisokuze isise ndawo.

Yipolitiki zidwesha. Iyakusakha eyokuba sifunde ukusebenzisana ukuze sithintele imeko apho sizibona singenayo inkqubela-phambili, ngoba abathile abafuni ukusebenzisana kakuhle nenkokeli ethile kuba yabetha eyabo kugqatso oluthile. Ayihambi njalo. Siyazilibazisa ngalo msindo.