Unobuhle unqwenela ukuvula isandla

UYonela Jindela, ongenele ukhuphiswano lukaMrs Africa, unethemba lokuba eli qonga lakumnika ithuba lokuqhubekeka esenza okulungileyo kwaye abenezwi eMontiumfanekiso: nokuthula mbatha

INYE kuphela into enqwenelwa nguYonela Jindela, kukukwazi ukunceda abantwana abahluphekileyo. Esi sisizathu sakhe sokungenela ukhuphiswano loonobuhle lukaMrs Africa lonyaka ka2018.

NgoMgqibelo, lo manejala wezezimali waseMonti, udele ingqele eqhaqhazelisa amazinyo ezimase umsitho osesikweni wokusungula olu khuphiswano nobuphezu kwentaba yeAerial Cableway eHartbeespoort, ekumantla weRhawuti.

“Isisa yeyona nto endiyenzayo. Ngoko ndingenele olu khuphiswano ukuze ndibenako ukunceda uluntu,” utshilo. Eli gqiyazana liminyaka ingama-28 ubudala nelalisakuba kumagqibela-nkqoyi kaMrs South Africa 2016, lithi umdla walo kuMrs Africa uqale emva kokuba isihlobo sakhe singenele olu khuphiswano.

“Bendinceda uluntu kakade, kodwa kuMrs Africa bendazi ukuba ndizakufumana iqonga ukuze iinkampani nabantu abaninzi babenomdla wokufak’isandla kumsebenzi wam wesisa.”

Omnye wemisebenzi yesisa ayenzayo kukutyisa abantwana abahlala kwilokishi yaseDuncan Village eMonti. “Ngeempelaveki siyabaphekela nanjengokuba abazali bexakekile okanye bengekho, baze abantwana bashiyeke bodwa bengatyi.”

Bakwanalo nolonwabo olulungiselelwe abantwana oluquka umdaniso nobugcisa. Phakathi evekini ubayinxalenye yamavolontiya anceda abantwana ngomsebenzi wesikolo, baze babanike ukutya emva kwesikolo.

“Ndikwatyelela nezibhedlele. KwiCawe yomhla we-18 kweyeSilimela bendityelele kwisibhedlele iFrere eMonti uyokubhiyozela usuku looTata (Father’s Day) nootata abangeniswe esibhedlele,’’ utshilo.

Akuphumelela le tayitile, uJindela unqwenela ukunceda izikolo zasePort St. Johns. “Kusekho izikolo zodaka kwaye urhulumente akakwazi kunceda kuba banenani elincinane labafundi kwezi zikolo. Kodwa kananjalo akanokuzivala ezi zikolo kuba ziyadingwa luluntu kwaye ezinye izikolo zikude kubo. Ngoko ke ndingathanda ukunceda ezo zikolo zifumane iyunifom yabantwana. Yindawo etsala nzima kakhulu.”

Kodwa ngoku, uJindela uchwechwela loo msitho wokuthsatyiswa ozakubanjwa ngenyanga yeNkanga ngokwenza iindibano zokuqokelela imali. Ngaloo mali ufuna ukuyisebenzisa ukunceda ezo zikolo zidinga iziqhusheki neebhegi zokufaka iincwadi.

“Ndilungiselela umdyarho weembaleki oyakubanjwa ngomhla we-5 kweyeThupha ozakubase Jan Smuts Stadium eMonti.”

Ongumlawuli kuMrs Africa, uCarolyn Botha, uthi waqala olu khuphiswano loonobuhle ngelitsala amanenekazi amaninzi kangangoko ukuze aphume ayokunceda abantu ngokwenza imisebenzi yesisa.

UMrs Africa yenye yeetayitile ezininzi phantsi komnqwazi wePageant SA.