UPhehlukwayo ubuyela kwiProteas!

UMzantsi Afrika ulungiselela imidlalo yovavanyo emine ozakuyidlala neNgilane.

Phakathi kwabadlali abazakuthi bafumane ithuba lokudlala kule midlalo ngu-Andile Phehlukwayo – okucingeleka ukuba angaqala umdlalo noDean Elgar.

Kukho ithemba lokuba iyakwenza umahluko le ndedeba kule midlalo njengokuba ibonakala ikhulile kwiqakamba yehlabathi nangona iseneminyaka engamashumi amabini ananye kuphela.

Lo kaPhehlukwayo ufumene amava okumelana neetumente ezinkulu emva kokuthath’inxaxheba kwiSunfoil Series njengomdlali weDolphins.

Kwelinye icala ikamva lika-AB de Villiers alicacanga kwiqela lesizwe.

Iingxelo zithi lo mdlali neziphathamandla zeqakamba bazakudibana kwezi nyanga zizayo kwintlanganiso – apho kulindeleke kushukuxwe ikamva lakhe.

UDe Villiers ugxekwe kakhulu ngabantu abaninzi emva kokuba ekhethe ukungabikho kwimidlalo yovavanyo nangona engukapteni wemidlalo ye-ODI.

“Sizakujonga into enokusinceda sonke. Akufanelanga sikhethe imidlalo – kodwa kumele kubekho isigqibo ngokuzakwenzeka kwiminyaka ezayo. Umnqweno wam kukunceda uMzantsi Afrika uphumelele indebe yehlabathi – kodwa ndakulinda ngoba andisazi esiza kugqitywa kuko,” utshilo uDe Villiers.

Amagama wabadlali:

Faf du Plessis (captain), Hashim Amla, Temba Bavuma, Theunis de Bruyn, Quinton de Kock, JP Duminy, Dean Elgar, Heino Kuhn, Keshav Maharaj, Aiden Markram, Morne Morkel, Chris Morris, Duanne Olivier, Andile Phehlukwayo, Vernon Philander, Kagiso Rabada.

isibhalo@inl.co.za