Bakwaywe yilali ngokuphatha kakubi umfazi

USAPHO lakwaKondlo eZikhova eTsholomnqa, eMonti, lukwayiwe yilali emva kokuphatha kakubi umfazi okhubazekileyo, lusithi makangazimasi umngcwabo wendoda yakhe yeminyaka engamashumi amabini.

UNosidima Kondlo (39) bekufanele ukuba uyinxalenye nomngcwabo wendoda yakhe uBonisile Kondlo (83) osweleke kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo emva kokukhathazwa yingulo.

UNosidima uthi uthe akuva ukuba uBonisile akaziva kakuhle, wacela esinye sezalamane zalo mzi ukuba zincede ngemoto khon’ ukuze asiwe kwiziko lempilo. Uthe akungafumani ncedo, wabeleka indoda yakhe emqolo wayisa kwikliniki ekufutshane, apho aye wadluliselwa esibhedlele eMonti.

Ngelishwa uBonisile ubhubhele eMonti. Umnqa kukuba abantu bakuloBonisile khange bamxelele uNosidima ukuba indoda yakhe ibhubhile. Endaweni yoko kutyholwa ukuba bavele bamgxotha uNosidima, besithi akafuneki nganto kwela khaya.

Esi sigqibo solu sapho simshiye ekhathazeke kanobomi uNosidima. Nanjengoko ikhaya lakhe lingekudanga kuyaphi kumzi wakhe, uthi wakujonga kwaKondlo akhale ngenxa yentlungu yokunqandwa ekuzimaseni umngcwabo wendoda yakhe.

“Indikhathaze kakhulu into endiyenziwe ngaba bantu. Kudala ndihleli kula mzi, ndithukwa kodwa ndinyamezele. Bandenze into yokudlala kodwa ndincame ubomi bam ndisonga igazi [uBonisile] labo. Bendiphethwe gadalala phaya, ndingavunyelwa ukusebenzisa indlu yangasese yabantu bonke,” utshilo uNosidima.

Into eluyenzileyo usapho lakwaKondlo kukuya kuloNosidima, lufuna isazisi sakhe lusithi luzakusisebenzisela ukufumana imali eyayibhaliswe phantsi kukaBonisile. UNosidima uthi khange avume ukunikeza ngesazisi sakhe.

Uluntu lwelali yaseZikhova alukhange luyithande into eyenziwe ngabantu bakwaKondlo. Ngomhla womngcwabo, obubanjwe ngosuku lolutsha, ilali yabamba uqhankqalazo iphethe amaphekepheke anyevulela ukunyhashwa kwamalungelo oluntu.

Ulutsha lwaseZikhova zange luyokomba ingcwaba kwaKondlo, logama abafazi belali bengakhange bayokupheka emngcwabeni, besilwela uNosidima.

UThando Wontoti, encokolela I’solezwe ngethuba lityelele eZikhova, uthe: “Siyicaphukele kakhulu into eyenziwe lusapho lakwaKondlo. Imbi into abayenze kuNosidima, futhi siyavuya ukubona simanyene siyilali sabakwaya. Bafanelwe yilo nto.”

Ubhuti kaNosidima, uMandlake Jali, uthi ibachukumise kakubi into yokubona kudelelwa umzi wakowabo lusapho lakwaKondlo. “Beyenza nje le nto kukuba badelela ikhaya eli lakuthi. Kodwa ke thina asinangxaki kuba singabantu abakholwayo. Kodwa mandiyithethe inyani yokuba asiyithandanga le nto bayenze kumntwana wethu,” kutsho uJali.

Ukanti uWandile Kondlo, uthi le yinyewe ephakathi kwezi ntsapho zimbini.

“Besiyazi thina ukuba siza kuyisombulula njani emva kwesingcwabo. Sothukile xa sibona ethathe iimpahla egoduka unkosikazi lo. Into yokuba singakhawulezi kwangethuba ukuxelela unkosikazi ukuba umyeni wakhe ubhubhile sisizathu esaziwa sithi, besiyazi ukuba siza kumxelela nini.”