IYoung Lions itshatshele kwiKhanya FM Tournament

Iqela laseNgqamakhwe lilo elitshatsheleyo kwitumente yeKhanya FM ngosuku lweJune 16 eWalter Sisulu University, eGcuwa. Umfanekiso: Anele Raziya

Nangona ibiyimidlalo emithandathu kuphela edlalwe kwitumente ebisingathwe eGcuwa, yiKhanya Community Radio, kodwa umphathi weentengiso kuso, uGideon Zanazo, uvakalise ukwaneliseka. Ikhanya FM (106.1) ibisingathe imidlalo yebhola ekhatywayo okokuqala ezimbilini ngosuku lolutsha, iJune 16, eWalter Sisulu University kwiveki ephelileyo.

Kwimidlalo emithandathu kule tumente ebibizwa ngokuba yiYouth in Sport Tournament under17, ibeliqala lelokishi yaseZizamele, i-Arsenal FC kunye neNqamakhwe Young Lions ezikwazileyo ukufikelela kumdlalo wamanqam. La maqela omabini adlale kakuhle kumdlalo wamanqam kodwa oyisakala ukufaka amagowuli ebaleni, nto leyo yenze umdlalo uphele iliqanda macala.

Kuye kwayiwa kumapenela – apho iNqamakhwe Young Lions FC iphumelele ngo’5-4. Eli qela laseNqamakhwe ligoduke nendebe enkulu ekhatshwa ziimbhasa zegolide kunye nekiti. Kanti lona iqela laseZizamele lifumene ikiti kunye neebhasa zesiliva. Ethetha ngexesha kuphiswa ngamabhaso, uZanazo uthe bayayibulela inkxaso yamaqela athe athabatha inxaxheba kule midlalo kwaye uyathembisa ukuba umngangatho uzakuxhoma kwimidlalo yonyaka ozayo.

“Sanelisekile ngamaqela athathe inxaxheba kule midlalo, kodwa siyathemba itumente elandelayo sakuyenza ibengaphezulu kunoku” utshilo uZanazo

Imidlalo igqitywa ebusuku ngenxa yemidlalo yeqonga eyenziwa yiJJ Njeza High School. UZanazo uthi uluntu lubonakise umdla kule midlalo kwale nto lukwazileyo ukuhlala kude kusebusuku.