Azithembile aMabhoko-bhoko

Izinto ziza kutshintsha kumdlalo wovavanyo olandelayo ophakathi kweSpringbok neFrance.

Kodwa okuhle nokubalulekileyo kukuba uMzantsi Afrika uya kulo mdlalo uzithembile futhi ukulungele ukulungisa zonke iimpazamo ezithe zavela kumdlalo odlulileyo.

Amabhoko-bhoko abethe iFrance ngo’37-14 kumdlalo wokuqala eLoftus. Lowo ibingumdlalo wokuqala emva kokuqhuba kakubi kweqela lika-Allister Coetzee kunyaka ophelileyo. Amabhoko-bhoko azakungquzulana neFrance kumdlalo wovavanyo ozakube useThekwini ngenjikalanga ngoMgqibelo.

Ukapteni weBoks, uWarren Whiteley, uwamkele umsebenzi owenziwe liqela lakhe – kodwa uyazazi izinto ezifuna ingqwalasela phambi kwalo mdlalo.

“Zisoloko zikhona izinto ezifuna ukulungiswa qho emva komdlalo. Siwuphumelele umdlalo – kodwa umdlalo wethu ubungagqibelelanga,” utshilo uWhiteley obeqala ukukhokela iqela lesizwe kwiveki ephelileyo.

Kulo mdlalo, iBoks kulindeleke icuthe iimpazamo ezenze eLoftus.