UNomhle Nkonyeni nguLulama weScandal!

Iqela elidlala kumdlalo iScandal!neliquka uHlomla Dandala, uNomhle Nkonyeni noLusanda Mbane Umfanekiso: Uthunyelwe

IGQALA lemidlalo kamabonakude, ingakumbi leyo intetho isisiXhosa uMam’ uNomhle Nkonyeni, uzakube engena kwindima entsha kumdlalo we-e.tv iScandal!

Ngokutsho kukaMichael Pocock ongumpapashi we-etv, uNkonyeni uzakube edlala indawo kaLulama Langa. Inkosikazi ezithandayo nezithembileyo. ULulama ngumama kuSiseko Langa, kwaye uza kanye kwixesha lokusombulul’ ingxwaba-ngxwaba ephakathi koYvonne noBoniswa.

UNkonyeni udlale kwimidlalo efana neSociety, Home Affairs neGazi. Ukhe wawongwa ngebhaso leLifetime Achievement yiSAFTA.

Uzakudlala le ndima iinyanga ezimbini, emva koko uzakube ebethelelekile engqondweni kaYvonne – kwaye angaphinda abuye nangawuphina umzuzu.

Indima yakhe iyaqala ukubonakala ngoLwesithathu we-5 kweyeKhala.