Ubuso obutsha kwiMuvhango ngokuhlwanje!

 UBukamina Cebekhulu uyaqala ngokuhlwanje ukuthi cakatha kwiMuvhango nanjengoko ebizwe nguThandaza  [ Sindi Dlathu ] nomamakhe uMaNkosi [ Cynthia Shange ].

Sesivile ke ukuba uImani ngokwenene uyaphila kwiMuvhango, kukwavakala ukuba ukhona umntu owamncedayo ukuba aqhweshe ngobusuku ”bokubhubha” kwakhe, nalapho waqhweshela kwelaseNigeria.
UBukamina yena udlala uGugu, udad’ bo-Imani omkhulu, nofikayo eze kusabela kwikhwelo likaThandaza noMaNkosi nanjengoko becele uncedo lwakhe ukuze eze no-Imani eMzantsi Afrika [ nodlalwa nguZonke Mchunu ].
Bafuna ukukhupha uMfungelwa [ odlalwa nguBrian Mazibuko ] entolongweni emva kokubanjelwa ukubulala uImani, ngoku bacela uGugu abancede ukusombulula le ngxaki.
Kuthiwa uGugu uzakuza noImani nomntwana kaRanthu eMzantsi Afrika.
URanthu uzakothuka kukubona unyana wakhe kwaye uzakulwela ukumgcina.
Oku kuthetha ukuba uGugu akayi ndawo – uzakungena kwezoshishino noRanthu.
UBukamina usebenze kwicandelo lokuqulunqa iinkqubo zikamabonakude iminyaka engaphaya kwemithandathu.
Wazalelwa kwaZulu-Natal, waze wenjenjeya ukuya eRhawutini ngonyaka ka2008 ukuze afunde banzi ngeli candelo eAFDA, waze waphumelela ngo2010/11.
Usebenze njengomqulunqi ongumncedisi kwi-ATTV productions (Gospel Classics, #Karektas), waze kamva wazibandakanya neStermberg Television (Noot vir Noot) nalapho asebenze njengeProduction Co-ordinator).
Le nzwakazi ikhe yaneziqithana kwimidlalo efana neNkaba, umdlalo kaDuma Ndlovu weSABC 1 – iNgozi nemenze wafumana indima kwiMuvhango.