‘Ndiyavuma, ndithunuke amanxeba amaxhoba engcinezelo’ –Zille

 

INkulumbuso yaseNtshona Koloni uHelen Zille ude wavuma ukuba umbhalo wakhe kuTwitter kweyoKwindla kulo nyaka, wathunuka amanxeba wabo bangamaxhoba engcinezelo.

 

NgoLwesibini, uZille ephelekwa yinkokeli yeDA uMmusi Maimane, ucele uxolo kubantu baseMzantsi Afrika ngombhalo wakhe kuTwitter, apho wayetyibela inkqubo yobukoloniyali.

 

“Ndiyavuma ukuba izenzo zam bezilumeza kubantu baseMzantsi Afrika abathi bachaphazeleka ngethuba lenkqubo yobukoloniyali. Ngenxa yoku, ndicela uxolo ngendlela engazenzisiyo,” utshilo uZille.

 

“Ndiyavuma, futhi, ukuba emva kombhalo wam kuTwitter, ndenza iintetho zasesidlangalaleni ezijongela phantsi umsebenzi wenkokeli yeDemocratic Alliance [uMmusi Maimane]. UMmusi Maimane yinkokeli yeDemocratic Alliance eyonyulwa ngokwenkqubo yentando yesininzi, kufuneka simxhase,” kutsho uZille. 

 

Noxa nje uMaimane ekuvuyele ukuxolisa kukaZille, uvumile ukuba iintetho zikaZille emva kombhalo wakhe kuTwitter bezingafanelekanga.

 

“Kungelishwa ukubona, kweziveki zimbalwa zidlulileyo, sichitha ixesha sisilwa nefuthe lemibhalo kaHelen Zille kuTwitter kuquka nokungavisisani okuye kwenzeka emva koko,” utshilo uMaimane.

 

Ngenyanga yoKwindla uZille wabhala kuTwitter wakhe esithi: “Abo bacinga ukuba inkqubo yobukoloniyali yayigwenxa kuphela, cinga ngokuzimela kwengalo yomthetho, uqoqosho lwezothutho kwanemibhobho ehambisa amanzi.”

 

Isithethi seANC uZizi Kodwa uthe: “UHelen Zille akayonkokeli yokuqala kwiDA etyibele ubukoloniyali nezinye iinkqubo ezijongela abantu beli lizwe phantsi. UDianne Kohler-Barnard noChris Roberts nezinye iinkokeli zalo mbutho ziwenzile amazwi anobuhlanga kubantu boMzantsi Afrika.”

 

“Siyayazi ukuba uZille akazukugxothwa kuba inkokeli ebambeleyo [uMaimane] sokuze igxothe inkokeli yokwenyani [uZille],” utshilo uKodwa.

 

UMaimane, owangena endaweni kaZille, uqale ukuba yinkokeli yeDA ngonyaka ka-2015 emva kokonyulwa kwinkongolo eyayibanjelwe eBhayi.