“Ndiyazi wonke umntu uzakuthetha ngamava”

Namhlanje uJohn Comitis ubhengeze uBenni McCarthy njengomqeqeshi weCape Town City. Umfanekiso: Phando Jikelo

NgoLwesibini iCape Town City ibhengeze uBenni McCarthy njengomqeqeshi wayo omtsha. Utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu kwiCitizens. Oku kulandela emva kwamahum-hum abesithi le folosi, yayidlala kwiBafana Bafana, izakufuma umsebenzi kweli qela kweli laseKapa.

ICity yothuswa kukuhamba kuka-Eric Tinkler esikhundleni sakhe seminyaka emithathu, emva koko othe wabhengezwa njengomqeqeshi omtsha weSuperSport United. UTinkler ushiye iCape Town City isendaweni ebanzi njengokuba waphumelela iTelkom KnockOut wagqiba isizini ekwindawo yesithathu kwiPremiership.

UMcCarthy uzajongana nobunzima njengokuba eqala ukuba ngumqeqeshi kwiqela elidlala kwiPremiership. ICity ijonge ukuphumelela indebe yePSL kwaye iyinxalenye yamaqela azakuthatha inxaxheba kwiCAF Confederations Cup. UMcCarthy wayesakuba lisekela mqeqeshi kwiSint Truiden yaseBelgium phambi kokuba kunqanyulwa kwekontraka yakhe. Udlalile kumaqela aliqela aseYurophu amaqela afana neFC Porto, Celta Vigo, Blackburn Rovers, West Ham United wabeka iintambo ebholeni ekwi-Orlando Pirates.

Ethetha neenthatheli uBenni uthe: “Ndiyazi wonke umntu uzakuthetha ngamava kodwa abaqeqeshi abaphambili emhlabeni baphumelele ngaphandle kwayo. Ndaqala eHanover Park kwiSeven Stars ndineminyaka eyi-17, ndahlohla amagowuli aliqela ,ndaya eYurophu ndaphumelela. Ndiyayazi endifuna ukuyiphumelela. ICape Town City isebenze kakuhle kakhulu ivale isizini ilele kwindawo yesithathu kwaye bazibekele indawo kwimidlalo yeCAF. Ndibulelela ithuba lam lokuqala kwidolophu yam.”

Uqhubeke wathi abadlali bangacingi ukuba eli qela lelaseKapa, ubuhlanga bugqube. Ukuziphatha kakuhle kufanele kube khona. Uye wayiveza into yokuba akasoze atshintshe okuninzi kweli qela.