Uthongathi ziintshatsheli ze-ABC Motsepe League

Uthongathi ziintshatsheli ze-ABC Motsepe League. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Uthongathi ziintshatsheli ze-ABC Motsepe League kuzwelonke emva kokubetha iSuper Eagles ngo’1-0 kumdlalo wamagqibela kankqoyi wetumente ebekukhangelwa kuyo amaqela amabini anyukele kwiNational First Division. Ngokuphumelela le tumente, Uthongathi luzifumanele isigidi sonke serandi. Yona i-Eagles ifumene isiqingatha sesigi.

Isiqingatha sokuqala kulo mdlalo siqale ngezinga elisezantsi kakhulu. Omabini lamaqela ebedlala elumkele ungavuleli gowuli kwangoko emdlalweni. Ngokuhamba kwexesha Uthongathi luye lwaswabuluka kangangokuba unozinti weSuper Eagles, uTshepo Ramaele, kuye kwanyanzeleka ukuba abambe iibhola ebezize kakubi ezimbini zabadlali beqela laKwaZulu Natal ingaphelanga imizuzu elishumi elinesihlanu. Into ebigunye ngayo iSuper Eagles kukuchitha iibhola xa Uthongathi luzama ukuhlasela.

UPhakamani Gumede weThongathi uphose ithuba elihle kakhulu kumzuzu wamashumi amabini anesine – ibhola ibisuka esazulwini sebala. USiyabonga Vilane uvalele emnatheni igowuli lokuqala leThongathi ngomzuzu wamashumi amathathu. Ithuba leSuper Eagles elingacacanga lizothi gqi kwimizuzu embalwa phambi kwexesha lokuya ekhefini. Unozinti woThongathi ebenesithukuthezi ngoba bekungekho bhola ziya kuyo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Uthongathi luhamba phambili ngo’1-0.

Izinto zijikile kwisiqingatha sesibini, yi-Eagles ebuye unomfutho kwaye ifuna igowuli. Uthongathi luhleli emva – kodwa lwaqinisekisa ukuba luyazichitha iibhola eziyingozi. Uthimkhulu kuye kwanyanzeleka ukuba achithe ibhola ebize kakubi. Nangona i-Eagles ibizama ukufumana igowuli lokulinganisa – kodwa ibingakwazi ukudiliza udonga lweThongathi ebiqine ngqi emva. Ayikwazanga ukusebenzisa elinye ithuba iSuper Eagles emva kokufumana ikona. Ibethiwe iSuper Eagles kumdlalo wamagqibela kankqoyi.

Uthongathi lufikelele kumdlalo wokugqibela kule midlalo ebidlalwa ngamaqela aphumelele emaphondweni. Kanti ke eli qela lwaKwaZulu Natal liyiphumelele yomithathu imidlalo yalo kuGroup B phambi kokuzibekela indawo kwiNational First Division. Yona iSuper Eagles iphumelele imidlalo emithathu yaze yadlala ntanganye komnye phambi kokuya kwayi kwiNFD.

Super Eagles: Tshepo Ramaele, Tefo Mokoena, Japie Tshabalala, Tsietsi Maduna, Modibedi Mokoena, Thapelo Selepe, Lerato Mokoena, Tshediso Manyingisa, Mpapa Mofoken, Bongani Khumalo, Tiiseto Victor Nosi.

Uthongathi: Martin Mthimkhulu, Xolani Slawula, Sifiso Nyathikazi, Siphamandla Mtolo, Jabulani Mbonambi, Phakamani Gumede, Khangela Zungu, Siyabonga Vilane, Philani Gumede, Phiwayinkosi Dlodlo, Celimpilo Ngema.