ISpringbok sivuthulule iFrance namhlanje eLoftus Stadium

Raymond Rhule of South Africa tackled by Brice Dulin of France during the 2017 Incoming Rugby Series between South Africa and France at Loftus Stadium, Pretoria on 10 June 2017 @Gavin Barker/BackpagePix

UMzantsi Afrika uvuthulule iFrance ngo’37-14 kumdlalo wokuqala kulo nyaka eLoftus Stadium ngokuhlwa namhlanje. Abafana baka-Allister Coetzee bayiphelise tu into yokwenziwa intlekisa namhlanje emva kokubethwa kwimidlalo yabo yokugqibela kunyaka ophelileyo. Le mpumelelo ziziphumo zomsebenzi weeveki ezimbini zonke owenziwe nguCoetzee nabadlali bakhe enkampini.

IBoks ikhokele phambili ngo’16-14 nangona umdlalo wayo ubungekadibani ncam. Nangona bezisoloko zityhala iBoks, zizama indlela ezinokuthi ziyigubungele ngayo iFrance – kodwa ukunikwa kukaBrice Dulin ikhadi elityheli kwenze imahluko kulo mdlalo ngoma lo nto inike zona ithuba lokuphefumla. Abadlali beFrance abakwazanga ukuzibona iimpazamo okanye ukuzisebenzisa ezo mpazamo zoMzantsi Afrika. Kubekho ixesha apho abadlali beFrance abafana noVirimi Vakatawa noYoann Huget bebethande ukukhathaza – kodwa iiBoks zikwazile ukumelana nabo. UMzantsi Afrika uzakuya kumdlalo olandelayo unamandla kwaye uyakufumana ithuba lokulungisa iimpazamo ungekho phantsi koxinizelelo emva kwethuba elide izinto zingawuhambeli kakuhle kumbhoxo wehlabathi.

Springboks – Abalale emgceni: Jesse Kriel, penalty try, Ross Cronjé, Jan Serfonten. Conversions: Elton Jantjies (3), automatic conversion. Penalties: Jantjies (3).
France – Abalale emgceni: Henry Chavancy, Baptiste Serin. Conversions: Jules Plisson (2).

Springboks – 15 Andries Coetzee, 14 Raymond Rhule, 13 Jesse Kriel, 12 Jan Serfontein, 11 Courtnall Skosan, 10 Elton Jantjies, 9 Ross Cronjé, 8 Warren Whiteley (c), 7 Oupa Mohoje, 6 Siya Kolisi, 5 Franco Mostert, 4 Eben Etzebeth, 3 Frans Malherbe, 2 Malcolm Marx, 1 Beast Mtawarira.


Amalalela:
16 Bongi Mbonambi, 17 Steven Kitshoff, 18 Coenie Oosthuizen, 19 Pieter-Steph du Toit, 20 Jean-Luc du Preez, 21 Francois Hougaard, 22 Frans Steyn, 23 Dillyn Leyds.

France – 15 Brice Dulin, 14 Yoann Huget, 13 Henry Chavancy, 12 Gaël Fickou, 11 Virimi Vakatawa, 10 Jules Plisson, 9 Maxime Machenaud, 8 Louis Picamoles, 7 Loann Goujon, 6 Yacouba Camara, 5 Yoann Maestri (c), 4 Julien le Devedec, 3 Uini Atonio, 2 Clément Maynadier, 1 Jefferson Poirot.


Amalalela: 16 Camille Chat, 17 Eddy Ben Arous, 18 Mohamed Boughanmi, 19 Bernard le Roux, 20 Kévin Gourdon, 21 Baptiste Serin, 22 Jean-Marc Doussain, 23 Vincent Rattez.