Umsindo

Sif’esib’esingenayeza, siyalahlekisa

Yeza laso kwa ngumniniso

Onasw’akeva selenqandwa, unga uyaphenjwa

Uzibon’eligorha nechule lokulungis’izinto

Kanti nokwelixhoba lobulolo

Onas’unamagama mathathu aziwa ngawo

Andenziwa njalo, akandazi, ndizakumbonisa

Ligwal’elingafuni kulungiswa

Lisithela ngomsindo lichithachithe

Msind’ongalungisi nto owonakalisayo

Onasw’aphakhoy’ulonwabo lolwethutyana

Uyaziwa lusapho nezihlobo

Yiv’esiza kuthiwe nanko nilungis’ukuthetha

Uzahlul’izihlobo nabamelwane

Uyichithil’imizi zahlukumezek’intsapho

Ugqugqisil’ ezinkonzweni nasemisebenzini

Bon’ onawo efuthiswa nguwo kub’ufun’ukuphuma

Msind’ongenabango mntwini

Shiy’umsindo lungisa ngomlomo

Usind’ekwenzen’okubi