Zinyanzelisa ukubuyiswa komhlaba iinkosi zeli lizwe

Zinyanzelisa ukubuyiswa komhlaba, ubuyiselwa kuzo iinkosi zelizwe loMzantsi Afrika, zisithi oku makwenzeke zingaphelanga iinyanga ezintandathu. Oku kuvele ngethuba iNational House Traditional Leaders iqukumbela indibano yayo ebibanjelwe eBenoni eRhawutini.

Usihlalo wale ndibanisela uSipho Mahlangu uthi kudala belindile kwinkqubo yokubuyiswa komhlaba wabantu abamnyama owathathwa kwiziganeko ezahlukeneyo ngethuba lengcinezelo. “Sifuna ukuba umhlaba ubuyele ezinkosini lingaphelanga ixesha leenyanga ezintandathu ukusukela ngoku, urhulumente makagqagqanise ukwenzo lomsebenzi,” uthethe watsho uMahlangu.

Mininzi imicimbi edla iinkosi zoMzantsi Afrika ethe yashukuxwa kule ndibano kuquka nemithetho etyholwa ukuba inciphisa igunya leenkosi zeli lizwe. Imibutho eyahlukeneyo yezopolitiko, ibithumele abammeli bayo kulo mcimbi. Usihlalo wendlu yeenkosi zemveli eMpuma Koloni uNkosi Ngangomhlaba Matanzima uthi ngenene abajiki kwisiphakamiso sabo sokufuna umhlaba woyisemkhulu.

“Abantu abathatha umhlaba wethu bafika apha bachitha intlalo yethu,imithetho nesikhokelo sethu, zabulawa iiNkosi zelilizwe zibulawelwa ukukhusela umhlaba wazo kwabasemzini, ngoko ke sifuna lomhlaba ubuye kuthi nje ngeenkosi ngokupheleleyo,” kutsho uMatanzima.

Uthi abantu abamhlophe abazange bafike bephethe umhlaba kweli, kodwa bathatha umhlaba kubantu abangabanikazi bomhlaba welizwe loMzantsi Afrika.

“Asikhathali nokuba kuthwa ngubani ozakubhatala bani ngomhlaba, thina sifuna umhlaba wethu ubuyele kuthi siwulawule ngolahlobo oobawo-mkhulu babewulawula ngawo,” uthethe watsho uMatanzima.