Ukuzithemba kunyukile kuMakhubedu nakuSibiya namhlanje

Ukuzithemba kuphezulu kuMacDonaldo Makhubedu emva kokuphumelela kwe-Acornbush. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Umlo wamaqela akhangela indlela yokunyukela kwiNational First Division uthathe elinye unyawo namhlanje emva kokuba amaqela amabini kuGroup A eyiphumelele imidlalo yawo. Mibini imidlalo edlalwe eBuffalo Stadium namhlanje. Kowokuqala i-Acornbush iphumelele okokuqala ngethuba ibetha iMaccabi ngo’1-0. kowesibini umdlalo iBuya Msuthu izibethele iThe Dolphins ngo’1-0 kowona mhlalo ubuthande ukuba shushu kule tumente idlalwa ngamaqela aziintshatsheli kumaphondo oMzantsi Afrika wonke emva kwesizini ephelileyo ye-ABC Motsepe League.

Ngoku i-Acornbush ithe ngcu kwindawo yokuqala emva kokuqokelela amanqaku amane kwimidlalo emibini; iphumelele wamnye yaze yadlala ntanganye komnye – kodwa akukafakwa gowuli kuyo. Ilandelwa yiBuya Msuthu inamanqaku amane emva kokuphumelela umdlalo omnye nokudlala ntanganye komnye. Omabini la maqela aphambili kuGroup A aya kwimidlalo elandelayo enamandla emva kwemidlalo yanamhlanje ayiphumeleleyo.

Emva kokuphoxwa ziziphumo zayizolo, namhlanje umqeqeshi we-Acornbush, uMacDonaldo Makhubedu, ebencume olukabhulankethe ngenxa yamanqaku amathathu. “Yah, le mpumelelo izakukhulisa ukuzithemba ebadlalini bethu. Emva komdlalo wayizolo, abadlali bethu babonile ukuba kufuneka belwile namhlanje. Size kulo mdlalo wanamhlanje sizilungiselele ngokupheleleyo. Besisazi ukuba amanqaku akazuka maninzi kulo mdlalo wanamhlanje ngenxa yohlobo amaqela adlala ngayo. Abadlali bama beze apha bezixelele – kodwa izolo babekwe endaweni yabo batsho babona ukuba kufuneka batshintshe,” utshilo uMakhubedu kwiintatheli namhlanje.

Iqela lakhe lonzakalelwe ngbadlali kodwa umqeqeshi uthi abanalo uvalo. “Kunyanzelekile siphumelele, sithi abazifake kule nto. Bonke abantu bathetha ngathi emva kweNedbank Cup. Asoyiki, sizilungiselele ukudlala nokuba mingaphi imidlalo ngelanga. Ukuba abadlali bayayazi ukuba balapha ngenxa yokumela apha – oko kwanele, kufuneka sidlale,” utshilo uMakhubedu obencumile.

Umqeqeshi weBuya Msuthu uwathembile amakhwenkwe wakhe noxa ecinga ukuba bekufanele enze ngaphezulu. “Sonwabile njengokuba sikwazile ukuphumelela kulo mdlalo. Andonelisekanga yindlela esidlale ngayo – kodwa kufuneka siyamkele le mpumelelo siye phambili. Bekunzima ukudlala neqela elingadlalanga izolo. Siyakudinga ukuphumla ukuze nabadlali bakwazi ukuphumla. Siya kumdlalo wethu ne-Acornmbush endicinga ukuba ungagqiba ngelona qela liya phambili. Ibhola inezinto zayo ezininzi, nantoni ingenzeka. Sisenemidlalo emibini ezayo, kunjalo nakwi-Acornbush – kodwa namanye amaqela asenalo ithuba lokuya phambili. Ngeke sithi le nto iphakathi kwethu ne-Acornbush. Kusafuneka silwe, ukuze siye kumdlalo wokugqibela kufuneka silwe. Kunzima ukudlala imidlalo yonke imihla – kodwa kunyanzelekile siye phambili,” utshilo uKabelo Sibiya, umqeqeshi weMsuthu.