IBuya Msuthu iphumelele ebunzimeni kwiDolphins

IBuya Msuthu neThe Dolphins ngethuba zingena ebaleni namhlanje eBuffalo City Stadium. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Ifumene impumelelo yayo yokuqala iBuya Msuthu namhlanje ngethuba ibetha iThe Dolphins ngo’1-0 kwitumente yamaqela adlala kwi-ABC Motsepe League edlalelwa eBuffalo City Stadium. Ngoku iBuya Msuthu ibambene ngamanqaku amane ne-Acornbush ephumelele okokuqala namhlanje.

Igowuli elifakwe nguBathusi Aubaas ngomzuzu wamashumi amabini anesithathu lilo elashukanise la maqela amabini. Umqeqeshi weBuya Msuthu, uKabelo Sibiya, ubonisile kulo mdlalo ukuba ngenene uyakwazi ukufunda indlela iqela adlala nalo kwimizuzu embalwa. Igowuli leqela lakhe lize emva kwemizuzu eliqela emva kokuyifuthamisela iThe Dolphins engawuqalanga kakuhle umdlalo. Nangona idlale phantsi koxinizelelo iDolphins – kodwa ikwazile ukubuyela emdlalweni. Abadlali bayo bayibeke phantsi ibhola besebenzisa isakhono sabo sokujika ibhola, bathe bakudlala ibhola ekubonakala ukuba bayiqhelile, kwabonakala umahluko kwindlela abadlala ngayo.

Kwisigaba sesibini iDilphins idlale ngokuzimisela okukhulu. Abafana abafana noXolani Alfred Nkala noKatlego Marakalla bebeyishukumisa iBuya Msuthu esazulwini sebala kamnandi. Kuzo zonke iinzame ezenziwe ngabadlali beDolphins – kodwa eyona nto ethe yambi kukuba ayikwazanga ukufumana igowuli lokulingana nangona bebanyanzele abadlali beBuya ukuba basebenze nzima phaya emva. IBuya Msuthu idlale kakuhle ngoba ikwazile ukulikhusela igowuli layo elifumene kwisigaba sokuqala.