UButhelezi uyikhuphe engxakini i-Acornbush, eBuffalo City Stadium

Namhlanje i-Acornbush ibethe iMaccabi ngo'1-0 eBuffalo City Stadium. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Igowuli elifakwe nguMzwandile Buthelezi lilo elikhuphe engxakini i-Acornbush ngethuba xeshikweni ibetha iMaccabi ngo’1-0, eBuffalo City Stadium, kumdlalo wetumente yamaqela adlala kwi-ABC Motsepe League akhangela indawo kwiNational First Division. Emva kokungaphumeleli kumdlalo wayizolo, i-Acornbush, ifumene amavili namhlanje phambi komdlalo wayo olandelayo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elibhalisileyo ebhodini. Umdlalo uqale kakuhle – omabini amaqela ehlasela esebinzisa isantya esiphezulu. Kwimizuzu yokuqala emdlalwe yiMaccabi ekwazileyo ukuvelisa amathuba amabini okufaka amagowuli – qha into eyibethileyo kukuba ibinomdlali omnye phambili ogama linguNkosinathi Sibeko. Nangona lo mdlalo ubushushu ekuqaleni – kodwa ekuhambi kwexesha izinga liye lehla. Endaweni yoko kuye kwakhula uburhabaxa kubadlali beMaccabi emva kokuphanza kweenzame zabo zokufumna igowuli kwimizuzu yokuqala emdlalweni. Kuye kwanyazeleka i-Acornbush yenze utshintsho emdlalweni emva kokonzakala komdlali wayo ekukrokreleka ukuba angangakwazi ukudlala kwakhona kule tumente. Unozinti weMaccabi, uBrad Norman, uchithe ibhola ebimbi kakhulu ebisuka ekoneni.

Kwisiqingatha sesibini athathe apho ayeke khona kwesokuqala. Emva kokufumana amathuba amabini amahle, iMaccabi ayikwazanga ukuwasebenzisa. Kumatyeli omabini, ibhola ifike kungekho mntu ebhokisini ngoba uSibeko ebesoloko egadiwe ngabadlali be-Acornbush. Nayo i-Acornbush izamile ukuyivula iMaccabi emva ngethuba uVelile Mdaka ongene njengelalela eqabelisa ibhola. Abadlali beMaccabi bayakwazi ukuyibeka phantsi kakuhle ibhola, bayabonana – kodwa eyona ngxaki ebachanileyo amaxesha amaninzi kukungakhabi xa kuvela ithuba phambi kwepali. Ibuye ngamandla i-Acornbush phakathi kwisigaba sesibibi, nangoba bekubonakala ukuba bakhanuka igowuli – ingxaki ebebejongene nayo ngamadlali basemva beMaccabi abadlali kakuhle kakhulu.

Kuthe xa kushiyeke imizuzu emihlanu emdlalweni, uMzwandile Buthelezi, ulivalele emnatheni igowli le-Acornbush emva kwamalinge aliqela enziwe liqela kwisiqingatha sesibini. Impumelelo ye-Acornbush yeyokuqala kule tumente kwaye ize emva kokusokola kumdlalo wanahlanje kwiMaccabi ebekubonakala ukuba idlalela ukungabethwa.