UMandhlazi uyifun’ aph’ ikhoyo i-Acornbush

UKenneth Mandhlazi uzamkele iziphumo zomdlalo weqela lakhe eBuffalo City Stadium namhlanje. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Ngomso kudibana
igqala elaziwayo kwibhola ekhatywayo, uKenneth Mandhlazi nomqeqeshi osakhulayo,
uMacDonald Makhubedu, etshatshalazeni nakomnye wemidlalo ekulindeleke ukuba itak’iintlantsi
eBuffalo City Stadium. Amakhwenkwe kaMakhubedu ophoxekileyo emva
kokudlala ngo’0-0 kumdlalo wanamhlanje – kodwa ngomso azakukhuphela umsindo
kwiMaccabi kumdlalo wesibini wala maqela aphume phambili kwiMotsepe League
emaphondweni nakhangela indawo ngoku kwiNFD. Iqela likaMandhlazi, iMaccabi,
loxuthwe intlaka emlonyeni (emva kokukhokela ixesha elide) namhlanje kumdlalo
wokuqala ngethuba iBuya Msuthu ifaka igowuli lokulinganisa kwimizuzu engephi
kuphele umdlalo eBuffalo City Stadium ngale njikalanga.

 

Emva
komdlalo wokuqala obuphakathi kweSuper Eagles ne-Acornbush ongavelisanga
magowuli kule tumente yeSafa – iMaccabi neBuya Msuthu zidlale umdlalo ongcono
futhi osemgangathweni ophezulu ngethuba zibambana ngo’1-1 emalanga namhlanje. Njengeqela elifake igowuli kuqala,
bekulindeleke ukuba iMaccabi ibambelele kulo okanye yongeze elinye igowuli.
Ayikwazanga ukwenza ngaphezulu kunoko ikwenzileyo – kodwa uMandhlazi
ayimxhalabisanga konke konke lo nto. Unethemba lokuba abadlali bakhe bayakuthi
baswabuluke ngokuhamba kwexesha kule tumente.

“Omabini
amaqela ohlulelene ngalo mdlalo. Ndiyawancoma omabini la maqela ngokuthi
asinike umdlalo omhle. Nabaqeqeshi bamaqela basibonisile namhlanje ukuba baze
kule tumente bezilungiselele ngokupheleleyo,” utshilo uMandhlazi.

 

Ethetha ngokungaqokeleli
amanqaku kweqela lakhe kumdlalo wokuqala, uMandhlazi uthethe wenjenje: “Sizakukhula
nayo le tumente, ngomso kunyanzelekile siphumelele. Sithelekiswe namaqela
anzima – okwethu ngoku kukukhuthaza abadlali bethu. Awundothusanga umgangatho
wemidlalo ngoba yindawo le abadlali abathathwa kuyo ngamaqela amakhulu.
Ndiyayincoma kakhulu iSafa neMotsepe ngalo msebenzi mhle kangaka. Induvuyise
kakhulu into endiyibone apha namhlanje. Sidlala ne-Acornbush edlala kakuhle,
sonke asiqalanga kakuhle – kodwa ngomso izakuza itshintsile. Siyilindele lo nto
kakhulu. Yadlala kakuhle neKaizer Chiefs – kodwa ndicinga ukuba abadlali bayo babenengxaki
yokuzithemba kakhulu, badlala kakuhle kakhulu kwiNedbank Cup. Nanamhlanje
besidibene neqela elomeleleyo nathi. Sidinga eminye imidlalo ukuze abadlali
bethu bangene egiyeni,” utshilo uMandhlazi.

                                      Pedro Mapelo's photo.

Umqeqeshi weBuya
Msuthu, uKabelo Sibiya, uyincomile kakhulu indlela amakhwenkwe wakhe alwe ngayo
kumdlalo wanamhlanje. “Andonelisekanga ziziphumo esizifumeneyo kulo mdlalo –
kodwa indonwabisile indlela abadlali abalwe ngayo. Besihamba emva, sikwazile
ukubuya nelethu igowuli. Ndiyathemba eli nqaku linye lizakusinceda kakhulu.
Akufani nokuhlala, kungcono kwa eli nqaku linye. Ndibaxelele abadlali ukuba
mabalwe, babonise nabantu ababukeleyo ukuba siliqela elisemgangathweni
ophezulu. Kufuneka sibuye sizilungiselele kumdlalo ozayo. Akukho nto ndiyaziyo
ngeThe Dolphins, akunyanzelekanga sizikhathaze ngalo nto ngoba kwimidlalo enje
ngale singayifunda kwimizuzu nje elishumi yokuqala emdlalweni,” utshilo
uSibiya.