UPaez ucaphukela ukudelelwa kweKaizer Chiefs

UGustavo Paez ongumdlali weKaizer Chiefs umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Isitshovutshovu sefolosi, uGustavo Paez, uthi uyayicaphukela into ayibiza ngokuba kukudeleleka kweqela lakhe kangangokuba ngoku iliso lakhe likwisizini ezayo.

UPaez ufake igowuli ekuphela kwalo ngethuba iKaizer Chiefs ibetha iintshatsheli zePSL (Bidvest Wits) kumdlalo wokugqibela wesizini ephele kutshanje ngo’1-0 eFNB Stadium.

Kuye kwanyanzeleka ukuba Amakhosi agqibe isizini engenanto esandleni ityeli lesibini emva kokungaqhubi kakuhle.

Eyona nto ebiseyilithemba labalandeli beChiefs kwimidlalo yokugqibela ibikukufumana indawo yesithathu ukuze ikwazi ukubuyela kwimidlalo yeCAF – ngelishwa akwenzekanga oko.

UPaez, otyikitywe nguSteve Komphela ekuqaleni kwalo nyaka, uthi ufuna izinto ziguquke eNaturena emva kokunyanzelwa kweChiefs ukuba iqhwabele iintshatsheli enkundleni yayo – into ayibona njengesithuko – kweli qela lidume ngokuthatha iindebe eMzantsi Afrika.

Lo mdlali, 27, uyithatha njengokwehla kwesidima into yokuqhwabela amaqela aphumeleleyo eFNB Stadium kwaye uyayicaphukela lo nto. “Andithandi xa amanye amaqela ezakuqhwatyelwa enkundleni yethu. Ayindiphathanga kakuhle konke loo nto. Siliqela elikhulu, yiyo lo nto bekubalulekile ukubetha iWits,” utsho uPaez.

Nangona lo mdlali waseVenezuella efike isizini seyiqalile – kodwa imizamo yakhe ibonakele, futhi amagowuli awafake kwimidlalo yePSL nakwiNedbank Cup enze umahluko omkhulu. Abantu abaninzi banoluvo oluthi ukuba ebefike ekuqaleni kwesizini, ngekuthethwa eny’ into ngeChiefs kule sizini.

“Kwisizini ezayo ndifuna amagowuli alishumi ubuncinane. Ndicinga ukuba ingenzeka lo nto emva kokuba ndifumene amagowuli amahlanu nangona ndifike isizini iphakathi,” utsho uPaez.

Uphoxekile uPaez njengokuba iChiefs ingafumananga nto kwaye ufuna itshintshe indlela eyenza ngayo izinto.

“Kundiphoxile ukungafumani nenye indebe kule sizini (2016/17). Siqhube kakuhle kwimidlalo esekhaya – kodwa kufuneka siqinise kwimidlalo engaphandle kwisizini ezayo.”