UPatosi ubuyele ekhaya!

Ayanda Patosi of South Africa during South Africa morning session at Peter Mokab Stadium, November on the 08 November 2016 © Samuel Shivambu/BackpagePix

Iqela laseNtshona Koloni, iCape Town City, lbhengeze u-Ayanda Patosi njengomdlali walo omtsha namhlanje ekuseni. Lo mdlali ufika kwiCitizens emva kokuba ifumene indawo yesithathu kwisizini yayo yokuqala kwi-Absa Premier Soccer League. Lo mdlali, 24, ubuyela ekhaya emva kokuchitha iminyaka eliqela edlalela iqela lebhola ekhatywayo laseBelgium elibizwa ngokuba yiKSC Lokeren. UPatosi waqala ukudlala ibhola eKapa kwiminyaka eyadlulayo kwi-African Soccer Development Academy. Inyathelo leCape Town City lokutyikitya umdlali okwinqanaba eliphezulu njengalo licacisa mhlophe ukuba uJohn Comitis ufuna ukuphucula umgangatho weqela lakhe elenze umsebenzi oncomekayo kwisizini yokuqala. “Ukutyikitya kwethu uPatosi kudiza kanye iinjongo zethu. Sifuna ukugcina umgangatho uphezulu. Le nto ithetha lukhulu ngathi, siyakwazi ukuthatha umdlali odlala eYurophu azokudlalela thina. Ndonwabe kakhulu, ndifuna ukubona u-Ayanda ebaleni edlala noLebohang Manyama, u-Aubrey Ngoma noLehlohonolo Majoro,” utshilo uComitis kwi-IOL.

Umqeqeshi weCitizens, u-Eric Tinkler, uxelele amajelo endaba kutshanje ukuba (beliqela) bakhangela indlela yokuqinisa iqela phambi kwesizini ezayo nanjengoko umthwalo uzakuba nzima ngenxa yokubandakanyeka kweCity kwiCaf Confederation Cup kunyaka ozayo. Nangona abadlali abafana noNgoma noManyama begxeleshwe ngamaqela amakhulu – kodwa abaphathi beCape Town City bazimisele ukuba gcina bonke abadlali abaphambili beli qela. UPatosi akaphelelanga ekudlaleleni iqela laseYurophu – kodwa ukwangumdlali weqela lesizwe, iBafana Bafana.