Zingena zigxalathelana iindebe kwiBidvest Wits!

Players celebrate as Wits are crowned the 2016/2017 Absa Premiership Champions during the 2016/17 Absa Premiership football match between Kaizer Chiefs and Bidvest Wits at Soccer City, Johannesburg on 27 May 2017 ©Gavin Barker/BackpagePix

Kwisithuba esingaphaya kweminyaka engamashumi alithoba ukusukela mhla kwasungulwa iBidvest Wits, lo unyaka ngunyka onomahluko okanye okhethekileyo. Oku kwenzeka emva kokuphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League ka’2016/17 – eyona ndebe ibalulekileyo ngaphezulu kunazo zonke iindebe kwimbali yebhola eMzantsi Afrika. Namhlanje iWits iphinde yazuza kwakhona ngethuba ifumene iimbasa ezimbini. UGavin Hunt ufumene iwonga emva kokuba echongwe njengomqeqeshi wale nyanga (kaCanzile, 2017), waze yena uMoeneeb Josephs wagoduka newonga lomdlali oqaqambileyo wenyanga. Konke oku kwenzeka emva kokuba iWits iphumelele imidlalo emine kwemithandathu eyidlalileyo kule nyanga.

Kule sizini isandula kuphela, iBidvest Wits, iqokelele ishumi elinesibhozo elivisayo lezigidi zerand (R18-million) ngokuphumelela indebe yePSL kunye neyeMTN 8 eyifumene ekuqaleni kwesizini ka’2016/17. Lo ngumsebenzi omkhulu kakhulu owenziwe nguGavin Hunt neqela lakhe emva kokuzama iisizini ezintathu zonke ngaphandle kokuzuza impumelelo. Ukuwongwa kukaHunt noJosephs kubhentsisa mhlophe ubunganga beli qela laseGoli kule sizini esongwe kutshanje.

Pedro Maphelo's photo.

Bidvest Wits head coach Gavin Hunt(COM) and Bidvest Wits Moeneeb Josephs(POM) during the 2017 COM ,POM and Goal of the month of May on 27 May 2017 at PSL Offices ©Aubrey KgakatsiBackpagePix

Esamkela iwonga lakhe, uJosephs uthethe wenjenje: “Ndiyavuya njengokuba ndikwazile ukunceda iqela lam. Sineqela labadlali abakhutheleyo – nantso into esincedileyo.”

Yena uHunt uthe: “Xa unabadlali ababhetele, ubanethuba lokuphumelela iindebe. Ukubethwa kwethu yiFree State Stars kwasivusa.”

Ngoku iWits inethuba lokuzibonakalisa ngakumbi kwisizini ezayo futhi izakubandakanyeka kwizinto ezininzi. Kunyaka ozayo iWits iphindela kwiCaf Champions League nangona ityholwa ngokungayikhathaleli ngabalandeli bebhola, kukho iMTN 8 Cup, nezinye iindebe eziphantsi kwePSL – kanti kwangaxeshanye kulindeleke ikhusele indebe yayo eyifumene kwisizini ephelileyo. UHunt sele etshilo ukuba uzakuhlala kwiWits.