600 iintsapho ezixhalabileyo eMpuma Koloni ngenxa ka-GM

Baxoxa bexhalabe ngekamva abasebenzi bombutho weNUMSA eMpuma Koloni emva kokuba inkampani evelisa imoto kweli iGeneral Motors idize ukuba izakuvala iingcango eMzantsi Afrika.

Unobhala weNUMSA eMpuma Koloni, uMziyanda Thwani, uthi ngobusuku bangoLwesibini babambe intlanganiso nabasebenzi bediliza ezindaba ngokusemthethweni.

”Ngokugunyaziswa lisolotya (189) kumthetho wezabasebenzi besibambe lendibano sixelela abasebenzi ngembalelwano evela kwaGeneral Motors, isithi bazakumka eMzantsi Afrika,” uthethe watsho uThwani.

Ingxelo yalo mbutho ithi ngabasebenzi abangaphezu kwamakhulu amathandathu ekulindeleke ukuba bachaphazeleke kule ntlekele yokuvala kwale nkampani. Inkampani yakwaGeneral Motors yaqala umsebenzi wokuvelisa iimoto zayo kweli ukusukela ngonyaka ka1926, ngenxa yefuthe lomzabalazo ngonyaka ka1982, inkampani yakwa Chevrolet yalishiya eli.

UThwani uthi bakuthethwano namagqwetha abo bezama ukuqinisekisa ukuba abasebenzi abangamalungu abo bazakukhuseleka kule nguqu.

“Namhlanje umhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga iyaqala ingxoxo phakathi kwethu uCCMA kunye nabameli benkampani yakwaGM, okona sifuna ukukwazi kukuba le nkampani izakungena kwa-Isuzu izana nantoni,” utsho uThwani.

Ingxelo ithi kukwakho iinkampani ezahlukeneyo ezishishina ngokuthengisa izixhobo zemoto zakwaGeneral Motors, nazo kulindeleke ukuba zivale iingcango ngaphandle kwamathandabuzo.

”Inani labantu abachaphazeleka kolu tshintsho lizakonyuka kuba kukho ezi nkampani zithengisa izixhobo zemoto zakwaGM, zizakuvala nazo xa imkile le nkampani kweli. Ethetha ngalo mcimbi kumajelo eendaba, ongumphathi wenkampani yakwaGM uIan Nichollas, uthi bazakushiya uMzantsi Afrika ekupheleni kwalo nyaka.” Enye yezinto esifuna ukuyazi kwezi ngxoxo, kukuba zintoni ezikhokelele ukuba le nkampani ishiye uMzantsi Afrika, siyayifuna ingcaciso malunga noko,” ucacise watsho uThwani.

Oonokrawuzana bathi imeko engazinzanga yezopolitiko nokuthotyelwa koMzantsi Afrika zezinye zezizathu ezibangele oku.

UAndile Bloko uneminyaka elishumi elinesithathu esebenza kule nkampani yakwaGeneral Motors eBhayi.

“Zindaba ezibuhlungu kakhulu ukuvalwa kwengcango zale nkampani kuba sineminyaka engaphezu kwamashumi amane ubudala, akuzukuba lula kuthi ukufumana imisebenzi kwezinye iindawo,” uthethe watsho uBloko.

Kunyaka ophelileyo ngabasebenzi abangaphezu kwekhulu abathe bagxothwa yile nkampani nabebebudala babo bungaphezu kwamashumi amahlanu.