Umasipala awuyofama, kutsho uBobani

UMongameli Bobani Umfanekiso: Raahil Sain/ANA

 

“INelson Mandela Bay asiyofama yamntu, ngoko ke asizukuphehluzeliswa ngu[Athol] Trollip ongazimiselanga kumamela ilizwi lomnye umntu.”

Oku kuthethwe nguMongameli Bobani, uSekela Sodolophu waseNelson Mandela Bay, kulandela ukugxothwa kwakhe nguSodophu uTrollip kuxanduva lokongomela icandelo lezempilo kulo masipala.

Ukugxothwa kukaBobani kuza emva kokungavisisani noTrollip, nangona nje babetyikitye isivumelwano sokusebenzisana kulandela ukuseka urhulumente wenkazathi emva kweziphumo zonyulo loomasipala nyakenye.

Umbutho iDA ukwinkazathi neUDM, ekhokelwa nguBobani kulo masipala, kwakunye nombutho iCope neACDP. Ukuba iUDM ingasiqhawula esi sivumelwano, oku kungathetha ukuba iDA ayikho selulawulweni okanye ifune inkazathi kwimibutho efana ne-EFF, AIC, Patriotic Alliance neUnited Front.

Ethetha nephephandaba I’solezwe uBobani uthe: “Into endingasoze ndiyamkele yile yokuphathwa nguTrollip ingathi ndisefama. Futhi soze ndivume xa uTrollip edelela umbutho wethu iUDM. Uyalibala ukuba enguSodolophu nje uncedwe sithi, kuba khange awuphumelele ngokuphandle la masipala.”

UTrollip uthi isigqibo sokugxotha uBobani, njengelungu elongamele icandelo lezempilo, asiyonto ethatyathwe lula. “Ndibeneengxaki noBobani ukusukela ngenyanga yoMnga. Sizibhalile iincwadi, sicela ukuba umbutho iUDM uzame ukuthetha noBobani kodwa ngaphandle kwempumelelo.”

“Kunyanzeleke ukuba ndithathe esi sigqibo kuba ndibona ukuba akukho nto yenziwayo ngoBobani,” utshilo uTrollip.

UBobani usasibambile isikhundla sokuba nguSekela Sodolophu, kwaye kukho amarhe okuba angaphulukana naso ukuba iDA ingafumana inkxaso yokumsusa kwamanye amaqela kwindibano yebhunga elindeleke ukuba ibanjwe ngoLwesibini.