Ifumene ukunconywa imbaleki yaseDimbaza!

Umphathiswa wesebe lezemidlalo nenkcubeko eMpuma Koloni uPemmy Majodina, uncome umfundi wesikolo iKuyasa eDimbaza eMpuma Koloni, uSinesipho Dambile, ngokuba yintshatsheli kwimidlalo yemigama emide kwiSouth African Schools Athletics. 


Le mbaleki ibuye nodumo kumdyarho weembaleki wabafundi boMzantsi Afrika obubanjelwe eThekwini. Ingxelo ithi uSinesipho ubuye neembasa zegolide ezimbini kumgama weemitha ezingamakhulu amane, kumdyarho wekhuni ufumene imbasa yesilivere. 

UDambile yimbaleki ethembisayo nanjengoko eseminyaka elishumi elinesihlanu kuphela.


Unina wale mbaleki ikhulayo uSindiswa Dambile, uvakalise ukuvuya kwakhe ngenxa yempumelelo yonyana wakhe. “Ndivuya kakhulu ngenxa yempumelelo yonyana wam kuba oku kuzalisekisa intsingiselo yegama lakhe elithi Sinesipho.”

 

Othethe egameni lesebe lezemidlalo nenkcubeko kweli phondo, uAndile Nduna, uthi isebe lakhe lizakumnceda lo mfundi ngeenjongo zokumkhuthaza. 


“Ngoncedo lweSports Academy sisakumnceda ngezi zinto zilandelayo lo mntwana, isibonelelo senyanga nganye, imali yokukhathalela impilo yakhe, ukuthatha inxaxheba kwimidlalo kweli nangaphandle, impahla zokunxiba, ukutya nezinye,” uthethe watsho uNduna.


Ela sebe lisoloko lifumana izigxeko ngenxa yokusilela ukunika inkxaso kwiimbaleki nabadlali abaphambili beMpuma Koloni.