Usetyenziso gwenxa kotywala ngumbulali weliphondo leMpuma Koloni

 Iqumrhu elijongene nokusetyenziswa
gwenxa kotywala lidibene neNyandeni Municipality, baphume ngendlu beyokunikeza
imfundiso ngokuzikhathalela kubafundi.

Kanye ngethuba apho indlu yowiso
mthetho isenza iinzame zokunkinkisha imigaqo yokuthengiswa kotywala, eli qumru phantsi
kwesetyana lezentlalo iSocial Accountability – lizithwelise uxanduva lokufikelela
emaphandleni ngelihlelo lokunika ulwazi ngobungozi bokuzinkxinkxa ngotywala
ebuncinaneni.

 Izolo umhla we-18 kule kaCanzibe,  i-Eastern Cape Liqour Board ekhokelwe nguMnu Mgwebi
Msiya, ithe yamemela amashumi amabini ezikolo ezirhangqe umasipala ombaxa weOR
Tambo, izimemela kukhuphiswano olunemfundiso olungobungozi bentselo yabafundi
nolutsha.

 Umnyhadala ubuzinyaswe
ngabathathi-nxaxheba abaliqela kuquka isebe lezoPhuhliso loQoqosho,  iMicimbi yezeNdalo noKhenketho (Economic
Development, Environmental Affairs and Tourism), uMasipala weNyandeni, isebe
lezorhwebo (DTI) kunye nabakwantsasana abasebenza kakhulu neli qumrhu.

 Owona myalezo obuthunyelwa ngowokulumkisa ulutsha ngokuzinkxikxa
ngotywala okudodobalisa iphondo lethu nokukhokelela kwinkitha yeengxaki eziquka
ulwaphulo-mthetho nokufa ngaphambi kwexesha.

 Amaqela ezikolo athe angenela ukhuphiswano lwengxoxo-mpikiswano
oluthe lwaphunyelelwa sisikolo iSt Patrics kunye nomdlalo weqonga ophunyelelwe yiNdamase
Senior Secondary School efumane ibhaso
lokuqala.

 I-St Patrics ibixoxa kwisihloko esithi ‘zintoni ezithuma
ulutsha etywaleni’, apho bebenoxanduva lokuzidwelisa, ngaxeshanye beze neengcebiso
zokunciphisa lo mkhwa.

 Uphefumle wathi uMnu uMsiya, “Kukho isidingo sokuba
abantu abasemaphandleni bafundiswe ngemiba equka ubungozi bokuthuma abantwana kwiindawo
zentselo, ukuselela phambi kwabo emakhaya kunye nokungabakhalimeli kwizenzo ezingabathuma.

 Asinanjongo zokuthi abantwana mabohlukane notywala ngexesha
lokufunda, kodwa sineenjongo zokuncothula neengcambu oku”.

 Wongeze ngelithi, “Kwidabi lokunciphisa ukungakhathali
koluntu, saye sanikeza ngomnxeba osimahla wokuxela ukuthengiswa gwenxa kotywala,
yiyo lo nto siye sifumane iminxeba evela eluntwini kuxelwa abathengisi
abathengisa bengenampepha,  nabo
bathengisela abantu abangaphantsi kweminyaka eyamkelekileyo.

 Ngaxeshanye sikhuthaza ukonyuswa kweminyaka eyamkelekileyo
yokuthengiselwa kolutsha ukusuka kwishumi elinesithoba ukuya kumashumi amabini
ananye”.

 Abahlali baseLibode bebephume ngobuninzi beyokuzimasa lo msitho
kwiholo iLibode Community Hall eginya ikhulu elimashumi asixhenxe, kodwa
bakhwela kumakhulu amathathu abazimasi.

 “Nangona sayikhupha le nombolo isimahla,  abahlali abaninzi abaziva bekhululekile ngokuza
ngaphambili baxele ezi zenzo zenzeka phambi kwamehlo abo,”  likhale latsho eli qumrhu.

 OkaMsiya uthembise ngelithi bakwiphulo lokuqhubekeka
behambisa le mfundiso ngokusebenzisa amaqonga emidlalo neengxoxo mpikiswano
eziqhutywa ngolwimi lwesiXhosa.