Kuhlatywe ofundela ubugqirha eWSU

Ikhampasi yeWSU evaliweyo kule veki Umfanekiso: Mabini Mpuhlu

Abasemagunyeni kwiYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) eMthatha baxakeke kukusweleka komfundi obesenza unyaka wokugqibela kwizifundo zobugqirha. Lo mfundi, ongenakubizwa ngegama okwangoku, ugwazwe wabulawa ngugxa wakhe izolo ngethuba kuqhambuka umlo phakathi kwamaqela amabini kwindawo ebekubanjelwe kuyo umcimbi wokuzonwabisa ngabafundi becandelo lobugqirha kwiziko eliseNelson Mandela Drive nelalifudula lisaziwa njengeUnitra. 

Kusenzeka oku nje abalawuli bale yunivesithi bebekhuphe umyalelo othi abafundi mabaphume baphele kula maziko aseMthatha ngoLwesithathu emva kokuqala ugwayimbo oluchazwa njengolungekho mthethweni ngoMvulo. Abafundi bebeqhankqalazela imali yengxowa-mali kaNSFAS.

Isithethi seWSU, uYonela Tukwayo, uthi oonogada kweli ziko bebengenokwazi ukunqanda esisiganeko baphinde bagqogqe iindawo zokuhlala zabafundi emva kokuhlaselwa okwezilwanyani ngabafundi abalugcwabevu ngumsindo. 

“NgoLwesithathu sikhuphe umyalelo wokuba baphume bonke abafundi kweli ziko kodwa besingakwazi kugqogqa ngaphakathi kuba besingenalo uxwebhu lwenkundla yamatyala olugunyazisa oko.\

“Xa oonogada bebengahlaselwa ngabafundi ngebekwazile ukugqogqa kweli ziko bachithe lo msitho wolonwabo ebekuselwa kuwo utywala ngabafundi. Ugwayimbo lwabafundi lubenomfutho kwesisehlo sokubhubha komfundi,” utshilo Tukwayo.

Ukwathi basezakuzama ukuhlala phantsi neenkokeli zabafundi kusonjululwe le mbambano.

Kwelakhe icala uMxolisi Zoko webhunga labafundi eWSU uthi luxanduva leyunivesithi ukunqanda ukusetyenziswa nokungena kotywala kweli ziko. UZoko uthe: K”udala sibhalela abaphathi beliziko sisithi asikhuselekanga ngaphakathi. Okokuqala masizibuze ukuba bungene kanjani utywala ngaphakathi bekhona oonogada. Ukusilela kokhuseleko ngunozala wokusweleka kwalo mfundi!”

Othethela amapolisa uKapten Dineo Koena uthi basephantsi phezulu bekhangela umbulali walo mfundi nanjengoko esaziwa. Ityala lokubulala nelokuzama ukubulala livuliwe kwisikhululo samapolisa.

Ukususela namhlanje kulindeleke amapolisa noonogada bakhuphe bonke abafunda nanjengoko uxwebhu lwenkundla sele lunikezelwe kweliziko. UZoko uthi abakayifumani imbalelwano esemthethweni egunyazisa njalo.

Ukwathi abubuvuvu amabango athi iinkokeli zabafundi azivumanga ukuthetha nabasemagunyeni ebutsheni bale veki. Akukabikho nkcukacha ezintsha esele zikhutshiwe ngabaphathi bale yunivesithi ngeemeko ezingqonge esisiganeko sokubhubha komfundi.