Abafana Bes’thende bahleli ngempund’ enye kwiTop 8

Kudakwashe Mahachi of Golden Arrows during the 2017 Nedbank Cup match between Golden Arrows and Platinum Stars at the Princess Magogo Stadium in Kwa-Mashu, South Africa on 22 April 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kokuqokelela amanqaku amathathu, iGolden Arrows, ingene tsotsololo kwiTop 8. Abafana Bes’thende babethe iBaroka FC esokolayo kwezi ntsuku ngo’3-2 kumdlalo obunzima kakhulu ePrincess Magogo Stadium ngale njikalanga yanamhlanje. Nangona umdlalo udlisele ngemvula yamagowuli amahlanu – kodwa izigqibo ezithathwe ngusompempe, uVictor Gomes, zishiye uninzi lwabalandeli bebhola bezibuza imibuzo. Unike iBaroka ipenela engacacanga kakuhle, waze emva koko akavuma ukuyinika igowuli ngenxa yabadlali ekukrokreleka ukuba bangene emhlabeni abangavumelekanga kuwo ibhola ingekakhatywa.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla i-Arrows ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguSiphelele Magubane otsale intambula yebhola ekude. Khange iphozise maseko nayo iBaroka – ihlasele ngamandla ngelizama igowuli lokulinganisa. Ithuba layo lithintelwe ngunozinti, uMatome Mathiane, oyinqande ibhola isiya emnatheni. UVictor Letsoalo ufake igowuli lokuqala leBaroka. UKudakwashe Mahachi noLerato Lamola baqinisekise okokuba i-Arrows ifumana amanqaku apheleleyo enkundleni yayo ngamagowuli wabo. Ekuzeni kuphela komdlalo (nayo) iBaroka ifumene igowuli elifakwe nguRichard Matloga.

Omabini la maqela adlale ngokuzimisela phantsi kwalo mozulu ebingentlanga kwaphela. Bekungekho mdlalo omhle kangako ngoba ilelo nelo iqela lidlalela ukufumana amanqaku ngeli xesha lesizini. Amakhwenkwe kaClinton Larsen azincede ngokusebenzisa amathuba avelileyo nokuzama ukubamba abadlali beBaroka abazamileyo kakhulu kulo mdlalo. Ngamanye amaxesha kubanzima ukukholelwa ukuba iBaroka isemsileni kwiPSL ngenxa yomdlalo wayo omhle. Ukuba ibengesiso isigqibo sikaGomes – ngekuba kuthiwa (mhlawumbi) igoduke nenqaku elinye.

Kwimidlalo emibini eshiyekileyo ngoku, iGolden Arrows izakuqinisekisa ukuba ibethelela indawo yayo kwiTop 8. Kanti yona iBaroka kufuneka iphumelele yomibini imidlalo yayo ukuze, mhlawumbi, isinde ezembeni xa kusongwa isizini ekupheleni kwale nyanga.