IKings izakubuyisa isixhiba kwiSharks, eBhayi

Louis Schreuder of the Southern Kings during the 2017 Super Rugby game between the Sharks and the Kings at Kings Park Stadium in Durban, South Africa on 18 March 2017 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Iqela lombhoxo leMpuma Koloni kufuneka liqinisekise ngakumbi ukuba lifuna ukuphumelela nanamhlanje emva kokuqokelela amanqaku ngendlela encomekayo imidlalo ilandelelana kwezi veki zidlulileyo. ISouthern Kings yamkela iSharks yaseThekwini kumdlalo weSuper Rugby namhlanje eNelson Mandela Bay Stadium. Umqeqeshi weli qela (Kings), uDeon Davids, ukhethe iqela labadlali elingatshintshanga kuyaphi kwelo belizuze iziphumo ezincumisayo kwimidlalo edlulileyo.

Imimoya yabadlali beKings iphezulu emva kokuvuthulula amaqela afana neRebels ngo’44-3 kutshanje. Ukufunquka komdlalo weli qela lizinze eBhayi kuza emva kwesiqalo esibi kakhulu kule sizini intsha yeSuper Rugby. Nakubeni liye lagagana nezo ngxaki – kodwa likwazile ukutshintsha izinto nokubonisa ibhola yombhoxo ephucukileyo elidlisela ngayo kwimidlalo yalo.

Indoda ekuzakujongwa kuyo kulo mdlalo nguLubabalo “Giant” Mtyanda – obefudula engumdlali weSharks ngaphambili. Lo kaMtyanda zange alifumane kakuhle ithuba lokuzibonakalisa kwiqela laseThekwini (iSharks). Kulindeleke asebenzise lo mdlali njengethuba lokuzibonakalisa ngakumbi kwicala lamandla. Uzakuqala ngaphandle kekambe ngoba umdlalo uzakuqalwa nguWilhelm van der Sluys no-Irne Herbst. Kumdlalo wokuqala owawuphakathi kwala maqela kwiiveki ezidlulileyo ezimbalwa, iKings yabuya intywizisa emva kokubethwa ngo’19-17 eKings Park Stadium.

UDavids unethemba lokuba iqela lakhe lakuthi lifumane impumelelo yesithathu imidlalo ilandelela xa kuphela imini yanamhlanje. “Izinto zibuyele kwisimi esiqhelekileyo kwaye enkampini kukho udlamko olukhuthazayo kubadlali bethu. Kuyabonakala ukuba abadlali bethi bazimisele ukuyenza le nto siyifunayo. Singavuya ukuba kungakho imidlalo esiyiphumelelayo kule ishiyekileyo. Ukuba singafumana inkxaso ebantwini, abadlali bethu bangenza ngcono kakhulu,” utshilo uDavids kwikhasi lomnatha leKings.

Southern Kings

15 Maxisole Banda, 14 Wandile Mjekevu, 13 Berton Klaasen, 12 Luzuko Vulindlu, 11 Makazole Mapimpi, 10 Lionel Cronjé (uKapteni), 9 Louis Schreuder, 8 Andisa Ntsila, 7 Tyler Paul, 6 Chris Cloete, 5 Wilhelm van der Sluys, 4 Irné Herbst, 3 Ross Geldenhuys, 2 Martin Bezuidenhout, 1 Schalk van der Merwe.


Amalalela:
16 Kurt Haupt/Tango Balekile, 17 Chris Heiberg, 18 Dayan van der Westhuizen, 19 Giant Mtyanda, 20 Stefan Willemse, 21 Johan Steyn, 22 Pieter-Steyn de Wet, 23 Stokkies Hanekom