Uyalelwe ibheyile owadutyulwa kumhlaba ongezantsi

Indoda eyadutyulwa kumhlaba ongezantsi ngethuba iphanga indoda ehamba ngesitulo esinamavili (wheelchair) eVincent eMonti kuLwesibini weveki ephelileyo, ibineempawu zokuqaqanjelwa kunzima nokuhlala phantsi ngethuba ivela enkundleni yaseMonti ngoLwesihlanu.

 

UPhumezo Ngqina oneminyaka engamashumi amane anesine uthe tshe phambi kukamantyi kwiinzame zakhe zokufumana ibheyile. UNgqina wadutyulwa yindoda ehamba ngeWheelchair, eneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu, eBalfour Park eVincent.

 

Lo kaNgqina wadutyulwa yile ndoda ngethuba yena nomhlobo wakhe, osakhangelwa ngamapolisa, bafuna ukunceda le ndoda ikwiWheelchair kumatshini wokukhupha imali. Bathi bakunikwa ikhadi lebhanki, uNgqina walitshintsha engayazi ukuba ujongiwe ngabahlali.

 

Ekubalekeni kwakhe, abantu bahlaba umkhosi ze lo kaNgqina wabanjwa wasiwa kule ndoda ikwiWheelchair. Ngomsindo wayo le ndoda ikwiWheelchair yakhupha umpu wayo oneempepha-mvume yadubula uNgqina kumhlaba ongezantsi.

 

Enkundleni ngoLwesihlanu, umbuso udize ukuba uyasikhaba isicelo sebheyile sikaNgqina kuba ngahle ongezwe amatyala ajongene nawo. “Enye into ebangela ukuba sisikhabe esi sicelo kukuba ummangalelwa (Ngqina) wakhe wagwetywa ngaphambili kumatyala okuphanga nokweba,” utshilo umtshutshisi uLerato Phakisi.

 

Kodwa igqwetha likaNgqina, uMawande Njenge, uxelele inkundla ukuba kwakuba semdleni wobulungisa ukuba ummangalelwa anikwe ibheyile. “Ummangalelwa sele engcikiveke kakhulu. Imifanekiso yakhe ipapashwe kuFacebook ebonwa luluntu phambi kwetyala. Yintoni ityala alibekwayo, kuba andilazi. Udutyulwe, usezintlungwini,” kutsho uNjenge.

 

UNjenge uthi amatyala angaphambili kaNgqina enzeka kwiminyaka elishumi edlulileyo.

 

Umphandi wetyala ebengekho enkundleni nto leyo ibangele ukuba umantyi uNazeem Joemath asihlehlisele uMvulo womhla weshumi elinesihlanu isicelo sebheyile.