Umqeqeshi weSuperSport United, uStuart Baxter, okwangoweqela lesizwe, iBafana Bafana, akafuni kuyingena ingxwaba ngxwaba ephakathi kweSouth African Football Association neSuperSport United. Endaweni yoko lo Mngesi ukhethe ukuthi geqe phaya kude nangona engumqeqeshi ongxabalazileyo.
Umbutho olawula ibhola eMzantsi Afrika, iSafa, uqumbe usisifu emva kokuba Amatsatsantsa a Pitori neBidvest Wits zigqibe kwelokuba zingabakhululi abadlali ababalulekileyo abakhwetyelwe kuMajita (Under-20) nguThabo Senong – olungiselela iFIFA Under-20 World Cup kwinyanga ezayo. UTeboho Mokoena noPhakamani Mahlambi ngabona badlali ekuliwa ngabo ngala maqela mabini neSafa. La maqela akaboni kubalulekile ukukhululela iqela lesizwe abadlali ngenxa yokuxakeka (kwawo) njengokuba kusondela ixesha lokusongwa kwesizini.
Njengendoda ekwangumqeqeshi weBafana Bafana, uStuart Baxter, uye wabuzwa namhlanje ziintatheli ngalo mba wabadlali.
“Mna khange ndithi abazukukhululwa abadlali ngoba ayindim othatha isigqibo. Andiluthandi uqhushululu oluphakathi kwamaqela neqela lesizwe. Ndifuna bonke abachaphazelekayo babambisane ngenxaki. Ndiqinisekile iqela liyafuna ukuncedisa – kodwa kukho umbuzo othi umthetho uthini kwimeko enje.
Amatsatsantsa a Pitori alungiselela umdlalo weCaf Confederation Cup okule mpelaveki. NgoMvulo weveki ezayo kulindeleke ukuba uStuart Baxter athi thaca izicwangciso zakhe ngeBafana Bafana.
Ithuba lokufunda ukuqhuba kwabakhubazekileyo baseAmathole