IKaizer Chiefs iqhogene nenkampani yeMedical Aid

Kaizer Chiefs Markerting Director Jessica Motaung, Siphiwe Tshabalala, Kaizer Chiefs Chairman Kaizer Motaung, Principal Officer of Medshield Dr Stanley Moloabi, Lorenzo Gordinho and Williard Katsande during the Absa Premiership 2016/17 Kaizer Chiefs Sponsor Announcement at Chiefs Village in Johannesburg, South Africa on 11 May 2017 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

IKaizer Chiefs, engaqhubi kakuhle kwiPremier Soccer League ekwaphuncukwe linqatha emlonyeni lokuthatha indebe yePremiership, ibhengeze iMediShiled njengeqabane layo elitsha kwicala le inshorensi namhlanje. Esi sibhengezo senziwe ngusihlalo weChiefs noDr Stanley Moloabi weMediShiled emva kwemini namhlanje eNaturena, eGoli.

Abantu abaninzi bebeneengcingane ezithi usihlalo weli qela laseSoweto ukhweba inkomfa yonondaba kuba ezakugxotha umqeqeshi, uSteve Komphela, njengokuba kucace gca ukuba nale isizini Amakhosi azakuyivala engenanto esandleni.

IMediShield izakujonga abadlali nabo bonke abasebenzi beChiefs kwicala lezempilo isithuba esiyiminyaka emithathu. Usihlalo waMakhosi. uKaizer Motaung, ethetha emva kwesi sibhengezo uthe: “Sichulumancile xa iMediShield ivuma ukubambisana nathi, siyakholwa ukuba amacala omabini azakuzuza kakhulu kobu buhlobo.”

Amakhosi liqela lokuqala elizakunika abadlali bebhola ekhatywayo inkonzo yeMedical Aid kwimbali yoMzantsi Afrika.

“Ibhola ekhatywayo iyatshintsha-tshintsha ngokuhamba kwamaxesha. Njengoba sineMedical Aid ethembekileyo sizakukwazi ukuqhubeka neshishini ngendlela eyiyo. Sikwakholelwa nasekuqinisekiseni ukuba abadlali bethu basezingeni eliphezulu ngalo lonke ixesha. Ngokubambisana neMediShield, sizakusebenza nzima siphinde siqinisekisa ukuba abadlali nabaqeqeshi bahlale bekwisimo esilungileyo,” uvale ngalo mazwi uMotaung.

UDr Stanley Moloabi weMediShield uthe: “Sichulumancile ukuba nobuhlobo neqela elibekwa njengeqela elikhulu eMzansi Afrika.”