Abasebenzisa amanzi ngapha komlinganiselo eBhayi, bazakuthi shuu!

Uvath’
iqaqa umasipala waseNelson Mandela eBhayi, sel’’ ekhuphe malunga namakhulu
amathathu aneshumi elinesithathu (313) amaxwebhu afakwe kumakhaya athile,  nafunyenwe esebenzisa amanzi ngomthamo
oxhomileyo.

Ongusomlomo
walo masipala, uMthubanzi Mniki,  uthe lo
masipala uphantsi koxinzelelo olukhulu ngenxa yabantu abathe gqolo
ngokungahambisani nephulo lokulondolozwa kwamanzi, nto leyo ebangele ukuba
kutshutshiswe,  kwenziwe
umzekelo ngemizi ethile ekuphandwe kwabonwa ukuba iyawaxhaphaza amanzi nangona
umasipala wakhe esoloko esenza ikhwelo lokuba abantu bawasebenzise ngokuphapha
amanzi. 

Uthe
iingxelo ezidizwe lisebe lohlahlo-biwo –mali nengxowa kamasipala, zithi
bamalunga namakhulu amabini anamashumi alithoba anesixhenxe amakhaya
ekusetyenziswa kuwo iikhilolitha ezingamakhulu amabini ngenyanga enye, abe
ngamakhulu amane anamashumi amathandathu anesibini asebenzisa phakathi kwekhulu
namakhulu amabini eekhilolitha ngenyanga, uthe amakhulu amane anamashumi amane
anethoba asebenzisa phakathi kwamashumi amahlanu ukuya kwikhulu ngenyanga ukuze
amawaka amathathu anekhulu elinye namashumi amabini anesine asebenzise amashumi
amathathu eekhilolitha.

“Sithetha
nje umasipala wethu uphuma engena emizini yaba bantu ukuya kujonga oyena
nobangela odala ukuba kuxhome kangaka ukusetyenziswa kwamanzi, kungabi mhlawumbi
zizizathu zokuvuza kwemibhobho ngaphakathi eziyadini zabo,” uthethe watsho.

UMniki
uthe ukuba kolu tyelelo kufunyaniswe nabanye, nabo baya kushiyelwa  iincwadi njengabantu abalayo ukulandela
imiqathango.

Uthe
umasipala ulindele ukuba wonke umntu asebenzise amanzi nganeno kweekhilolitha
ezingamashumi amane kungenjalo abahlali bazakuthi shu kuba baza kunqanyulelwa
umthombo, bangabi namanzi.