U-Archbishop Ndungane ulumkisa abahlobo bakhe kuFacebook!

U-Archbishop Njongonkulu Ndungane UMFANEKISO: FACEBOOK

U-Archbishop wamaTshetshi odla umhlala-phantsi uNjongonkulu Ndungane, ubongoze abantu ukuba balumke nanjengoko iinkcukacha zakhe zikaFacebook zithe zabiwa ngumntu ofuna ukwenza ubuqhetseba esebenzisa igama lalo nyawo-ntle.

 

UNdungane ubhale kuFacebook wakhe ngoLwesibini, ecela abahlobo bakhe ukuba balumke. “[Iinkcukacha] zam zikaFacebook zibiwe. Nceda ulumke!”

 

Emva kwesi silumkiso, abahlobo bakaNdungane babike ukuba banolwazi ngoku.

 

UFrancis Maberi uthe: “Ndifumene isimemo sobuhlobo kumntu osebenzisa igama nomfanekiso wakho. Emva kokuba ndimamkele undithumelele umyalezo ongangqamaniyo negama elihle lakho.”

 

ULorato Tshenkeng yena uthe: “Ndifumene umyalezo kumntu ongaqondakaliyo ozifanisa nawe. Ndiye ndabona ukuba ayinguwe kuba ndithe ndakumbuza ngombhoxo neqakamba, dololo impendulo.”

 

Mna buqu, intatheli yeli phendaba, ndifumene umyalezo kulo “Njongo Ndungane” undicela ukuba mandifake isicelo senkxaso yemali kwinto ebeyibiza ngokuba yiCommunity Financial Assistance Development.

 

Ndithe ndakubuza ukuba ingaba nguBhishophu Ndungane kusini na, uphendule ngelithi. “Ewe ndinguye, awulufuni uncedo?”

 

Ekumcupheni ndithe ndiyalufuna uncedo. Ukuphendula uthe: “Mandikudibanise ne-Arhente yethu eseFlorida eMelika.”

 

Ndibuyise impendulo: “EMelika?” Waphendula. “Ewe, kanti akulufuni uncedo,” ubuze ngesiNgesi.

 

Kuba ndiyazi ukuba uBhishophu Ndungane, ngumXhosa, ndibuze lo “Njongo Ndungane” ukuba loluphi ulwimi lwakhe lwenkobe. Impendulo: “NdiyiSouth African, ok bye.”