Angagrunjwa amathambo kaHintsa

IKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu ikhatshwa ngusodolophu waseMbhashe Municipality uSamkelo Nicholas Janda, kwakunye neeNkosi zamaXhosa xeshikweni beyokubeka iintyatyambo engcwabeni likaKumkani uHintsa ongasekhoyo.UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Angahle agrunjwe kwakho amathambo weKumkani yamaXhosa eyabhubha ngoCanzibe ngo1835, uHintsa kaKhawuta.

Ingxelo yekhaya ithi oku ngumyolelo kaKumkani uXolilizwe Sigcau phambi kokuba abhubhe ngonyaka ka2005.

Ithetha phezu kwengcwaba likaHintsa, iKumkani emiyo yamaXhosa uZwelonke Sigcau uthi balandela umyolelo kayise. “Phambi kokuba abhubhe uKumkani uXolilizwe wasiyalela ukuba sigrumbe amathambo kaKumkani uHintsa kuba indawo elimi kuyo ingcwaba lakhe ikhukhuzwa ngumlambo,” ucacise watsho uZwelonke.

Le Kumkani yangcwatyelwa phezu komlambo iNqabarha emva kokuba yathi yaziphosa kwisiziba esikulo mlambo emva kokoselwa ngamabutho kaGeorge Southey.

Ingxelo ithi le ngonyama yamaXhosa yanqunyulwa intloko emva kokuba bathi badlalisa ngayo abelungu beyisika iindlebe namanye amalungu omzimba wayo. “Xa siphinda simngcwaba uKumkani siza kumbeka kwalapha phezu kwalo mlambo kwindawo ekhuselekileyo ukuze amathambo akhe akhuseleke,” uthethe watsho uKumkani uSigcau.

Othethe egameni lela komkhulu uPhathuxolo Tyhali, uthi kungahle kubaphathele iimpendulo kwimibuzo emininzi ukugrunjwa kwale Kumkani.

“Lo mcimbi uhlala ubuzwa ngabantu malunga nentloko kaHintsa uyakutsho uphenduleke, kuba sizakuyazi ukuba wangcwatywa enganayo intloko, ukuba akanayo sizakuliqala phantsi idabi le ntloko yakhe,” utsho uTyhali.

Ingxelo yeengcali zembali ezahlukeneyo, ibonisa ukuba intloko kaKumkani uHintsa yayakufihlwa kwelaseScotland ngabahlaseli bakhe.

Ethetha ngalo mcimbi, uSodolophu waseMbashe uSamkelo Janda, uthi bazakuqhubeka bexhasa iinzame zokuhlonitshwa kwale ngonyama yamaXhosa.

“Yiyo lo nto saqinisekisa ukuba kukho abantu abasebenza kweli ngcwaba kuba sazibona sinyanzelekile ukuba sinike imbeko kuKumkani uHintsa, ngoko ke siza kuqhubeka sixhasa ikomkhulu kwiinzame zalo,” utshilo uJanda.

UJanda uthi intsebenziswano phakathi komasipala, urhulumente kunye nekomkhulu lamaXhosa kuzakubangela ukuba likhuseleke nje ngelifa ingcwaba likaHintsa.

Ngenyanga yoKwindla ngonyaka ka1996, uNicholas Gcaleka wabangela isankxwe kweli ngokuthi uzakuya kuthatha intloko kaHintsa eScotland. Ikomkhulu lamaXhosa lathathela kulo into eyayibizwa ukuba yintloko kaHintsa eyathi yeza noGcaleka emva kotyelelo lwakhe eScotland.

UGcaleka wabhala incwadi ecela ukuthetha nomongameli weli ngelo xesha uNelson Mandela malunga nale ntloko kaHintsa.

IiNkosi, amagqirha neenkokheli zokuhlala ngokubanzi zakuphikisa oku zisithi ayiyo intloko kaHintsa koko uGcaleka ukhangela imali.