Zwelonke: Andikho manxadanxada

Ikumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu ekunye nenkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumullo Masualle kwikomkhulu lamaXhosa eNqadu, eDutywaUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

INKQUBO karhulumente waseMpuma Koloni yokumilisela amaqonga onxibelelwano noluntu, abizwa njengeeWar Rooms, ifumene ukugxekwa yiKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu, esithi zange kwathethwa naye malunga nayo.

USigcawu uvakalise inkxalabo yakhe ngeeWar Rooms emva kokuba ebambe ingxoxo neNkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle eNqadu kuGatyana ngoLwesibini. UMasualle, ephelekwa nguMphathiswa woomasipala nemicimbi yeenkosi uFikile Xasa kwanoSakhumzi Somyo wophuhliso lwamaphandle, ebetyelele komkhulu ukuya kungqubanisa intloko neenkosi zesi sizwe ngokumayelana nemiba yophuhliso.

Kodwa uthe akuthi cakatha eNqadu uMasualle, yabe kanti lithuba apho uSigcawu azakuphalaza imbilini yakhe malunga nokungoneliseki kwakhe yindlela asebenza ngayo urhulumente wephondo.

Indibano ebihlelelwe ukuba izakuqala ngentsimbi yeshumi kusasa, phakathi kwabahlali neenkokeli zikarhulumente ebezikhokelwa nguMasualle, iyokuqala emva kwentsimbi yesibini malanga emva kokuba iKumkani iveze uthotho loluhlu lwezikhalazo ezingaphaya kwamashumi amabini.

USigcawu uthi zange wadibana noMasualle kwindibano esesikweni, ukusukela oko ingene e-ofisini le Nkulumbuso. “Sizenzile iinzame zokuqhakamshelana neNkulumbuso [uMasualle]. Engena nje e-ofisini ngo-2014, saye sambizela apha, kodwa zange eze. Zange siyeke, besithe gqolo simbiza kodwa engezi. Ukhe weza ngo-2015 ngokuya ndandizakombathiswa, kodwa wayeze ngamalungiselelo ala msebenzi, hayi ngemiba ebesimfunela yona,” utshilo uSigcawu.

IKumkani ikwathe ukumiliselwa kweeWar Rooms zange kufumane iintsikelelo zayo.

UMasualle ebethe gqolo ukuthengisa umpoposho weeWar Rooms kunomathotholo phantsi kwesihloko esithi “Simanxadanxada”. Lo mpoposho ulenzile ifuthe ebantwini, kuba bathe gqolo ukuthetha ngawo kwizintlu zabo zokuncokola nokugqugula.

Kodwa uSigcawu uthe: “Kukho le nto uNkulumbuso athi umanxadanxada yiyo wakha iiWar Rooms. Andiyonxalenye yayo lo nto kuba indlela esekwe ngayo ibonakala izakuthobela phantsi isidima seenkosi.”

Omnye umba ekuthethwe ngawo kukubhubha kwabakhwetha, apho uSigcawu akholelwa ukuba kufuneka kubhangiswe ukoluswa kwamakhwenkwe ehlotyeni.

Kukwashukuxwe nomba wolwakhiwo lwendlela ehlawulelwayo kunxweme olurhabaxa (Wild Coast), apho uSigcawu athi akukho luthethwano lukhe lwenziwa namakomkhulu malunga neli nyathelo.

IKumkani ikwakhale nangendlela embi eya eNqadu, esithi oku kwakukhalisa kwa uyise – uKumkani uXolilizwe . USigcawu uthi uMongameli Jacob Zuma wakhe wagqajukelwa livili kule ndlela iya eNqadu ngenxa yobubi bayo.

Ephendula kwisikhalazo sokunqaba eNqadu, uMasualle uthe: “IKumkani inelungelo lokuyiveza inkxalabo yayo malunga nomba ophathelene nokudibana kwam nayo. Kodwa ke indlela esisebenza ngayo, mna ndikholelwa ukuba xa uMphathiswa [othile] ekhona apha eNqadu nam ndikhona nokuba andikho [ngokwenyama]. Siwulungisile lo mcimbi.”

Kumba weeWar Rooms, uMasualle uthe: “La maqonga eeWar Rooms akajolisanga ekujongeleni phantsi isidima samakomkhulu. Siza kuzama ukubonakalisa kwiKumkani nakwiinkosi ukuba iiWar Rooms azithobeli phantsi isidima sobukhosi.”

UMasualle uthi uzakuqwalaselwa umba wokwenziwa kwendlela eya eNqadu.