ISIFO SEENGQONDI!

Uncwadi aluphelelwa, amandla aqulathwe kokubhaliweyo angaphaya kokuqonda. Kwezi ntsuku zidlulileyo ndizive ndinqwenela ukuhleka. Kwathi kuba ndinenqwaba yeencwadi zesiXhosa apha endlwini ndaguqulula ndifuna endizakuyifunda. Kulo mguqululo ndithene mandla ngencwadi ethi Kwezo Mpindo ZeTsitsa. Hayi ke, ndayithatha ngomdla ndayifunda kwakhona emva kwexesha elide. Kumabali onke abhalwe kule ncwadi nendiwafundileyo, ndithe ndigqiba ukufunda elo lithi, Imasi ndabe ndithe lwale iingcinga ngeziganeko esendikhe ndazibona. Andithi kaloku kweli bali umbhali usibalisela ngemasi anayo, athi xa ezithethelela sisifo seengqondi. Xoka! Umbalisi bali uthi, waqunjelwa wazisol’ ugeza ngowakwakhe mini walibala imali awayeyifake epokothweni yedyasi. Kwakusemva kokuba umnene lo wayecwangcise ukuthenga ubisi, uthi wathi akube emkhwazile umfana wobisi, wakhumbula ukuba imali uyishiye ngasemva. Apho wakhangela wancama sencediswa ngowakwakhe. Wathi semkile umfana wobisi eluncamile nolo bisi kwakukhona azibonayo ezo senti zintlanu. Kwathi kanti ukhekhe ubaleka ejika esiyakuyifuna ngemva loo mali, ilapho kuye epokwethweni. Tsii!ibuhlungu ke khona imasi! Ndiyakhumbula umkhuluwa wam esithi ndinesi sifo seengqondi xa ndimana ukulibala obendikuthunyiwe. Kambe oko wayekuthetha ekuthathela kweli bali lale ncwadi. Ide yabasisixhobo sozikhusela ke le nto naxa sendigqwidize ekuthatheni isigqibo esibalulekileyo. Kambe ukubanemasi kule mihla kwayanyaniswa noxinizelelo lwengqondo. Ukusuka apho uya kuva abantu bethetha ngestress. Kodwa okuxakayo esi stress senza umntu aphambanise izinto sixhaphake apha emadodeni ikakhulu. Ingaba ke ngenene sisifo sezilumko njengoko esitsho utata uJordan? Mna mntu sekhe wathabatha ubisi elingumgubo ndalifaka emanzini ngeenjongo zokuhlamba iimpahla, esi sifo ndiyasazi. Makube ndisenethamsanqa kuba ndiselisoka. Uthi ngendingesosigculelo sezithuko na xa ndizokusuke ndinxibe izihlangu ezingafaniyo? Kambe ke into ubungayazi, yeyokuba, andihlelanga ndawo ngabaninawa bam abathi xa bendijonga bazibonele ixhego apha kum. Andithi kaloku ikwandim lo wakha wabatyisa ukutya okungenatyuwa. Kona ndiqinisekile imasi ikho nje ukudala uchuku nengxakeko ebantwini. Bangaphi abantu ababhinqileyo ababanemasi? Uthi ayibonakalisi ubuthathaka bamadoda ahlala ezigwagwisa ngezoso? Andithi nawe mlesi, ukhe ubone ixhego xa lihamba nexhewukazi lalo, limana ukunikwa imiyalelo nemiqathango. Uthi kutheni kunjalo? Ayibobuthathaka obenziwe yimasi na obebukhe busifunise inqawa yexhego isemlonyeni kulo? Thina bantu bayaziyo into yokuphuma kwenye indlu usiya kwenye, ufike ukhohliwe yinto obuyiyela kulo ndlu, siyavelana nawe. Sazi kakuhle ukuba unesi sifo seengqondi asixelayo utata uJordan. Ewe le yincwadi ngosiba lomakhwekhwetha nengqwela yombhali wethu apha esiXhoseni u-A.C. Jordan. Le cwadi yapapashwa ngabakwaLovedale Press kwiminyaka engaphezulu kumashumi amathathu. Ewe kona amaxesha ngamanye, ubuncwane bosiba uncwadi iseloluya, isiXhosa sesethu masisikhathalele.

Owenu kusiba noncwadi lwesiXhosa.