Owasetyhini ubulewe elungiselela ukuphangela

UYonela Tambo obulewe ngethuba elungiselela ukuphangela.
Bashiyeke bebambe ongezantsi abahlali bamatyotyombe aseKosovo eNyanga, eNtshona Koloni,  kulandela ukudutyulwa kubulawe owasetyhini nobephangela ngezithuba zasekuseni kwangoMgqibelo.
Ebesebenza njengonogada kwisikhululo seenqwelo-moya saseKapa iCape Town International Airport.
UYonela Tambo,  obeminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala, nobehlala eKosovo, kuvakala ukuba izigila-mkhuba zifike ekuseni kanye xa elungiselela ukuphangela nalapho kukholelwa ukuba bangene bathatha iTV yakhe, ze emva koko bahamba naye bayokumdubulela kumgama ongangeemitha ezintlanu ukusuka kwityotyombe lakhe. 
Ukuyokufika kwindawo abamdubulele kuyo kuvakala ukuba bebemrhuqa.
UThembalethu Tambo, noneminyaka engama-46 ubudala, nongumalume kaYonela uthe,  ngokuhlwa kwangoLwesihlanu uve umtshana wakhe ethandaza,  kwaye wazibuza umbuzo wokuba ingaba kutheni na ezakude akhwaze olo hlobo kuba akaqhelanga kumva xa ethandaza.
“Anditsho ukuba umtshana wam ebengathandazi, qha ngobusuku bangoLwesihlanu ebekhwaza kwaye bendiqala ukumva kwaye iye yandimangalisa lo nto.”
Watsho esithi, kumthandazo wakhe uYonela uye wanendawo ethi: “Bawo ndicela ukukhuselwa nguwe kwiindlela endithi ndizihambe xa ndisiya emsebenzini,” nalapho  umalume wakhe athi umtshana wakhe bekungathi ebebethelwa ukuba ikhona into ezakwehla kusuku olulandelayo kuba naku eye wahlaselwa zizigila-mkhuba ezingagqibelanga ngokuthatha nje itv kuphela, kodwa zathatha nefowuni, ibhegi kunye nobomi bakhe.
Ecaleni komzimba wakhe kufunyelwe isikhaftina ekubonakala ukuba ebeza kusiphatha.
Ekwavakalisa ukuba bahlala ndaweni – nye nomtshana wakhe nangona umntu elala kwigumbi lakhe nje, kodwa basebenzisa ikhitshi elinye. Watsho esithi ngethuba evuka ekuseni eyokuthatha isepha uphawule ukuba indlu kaYonela ivuliwe, apho aphawule ukuba i-tv ayikho.
“Ngethuba ndisamangaliswe kukungabikho kwe-tv ndive abahlali bendikhwaza besithi,  nanku uYonela elele ngasekhonteyineni nalapho ndithe xa ndifika ndafumanisa ukuba uswelekile kwaye ootsotsi bamdubule emqolo”, utsho uThembalethu.
USergeant Noloyiso Rwexana okwicandelo lamapolisa eNtshona Koloni,  uqinisekisile ngesi siganeko, watsho esithi ityala lokubulala livuliwe kwaye uphando luyaqhuba.
Ekwavakalisa ukuba akukabanjwa mntu malunga nesi siganeko ngelixa besaqhuba nophando.