UTrevor Noah ubulela umama ngempumelelo yakhe!

” Yinkosikazi enamandla, entsundu eyomeleleyo kwaye engazange iba phulaphule ngethuba besithi ngekhe yenze ngakumbi,” lawo ngamazwi wonyana kaPatricia Nombuyiselo Noah ongunina weqhula elidume nelithandwa kwihlabathi jikelele uTrevor Noah.
UNoah ubulele kumama wakhe  ngethuba ekhwela eqongeni esamkela iwonga lakhe kwiimbasa zeMTV Movie and TV Awards bezibanjwe eLos Angeles ngosuku lwangeCawa.
Le nzalelwane yoMzantsi Afrika iwongwe njengeBest TV Host. Uphinde wathi nangamso kwigqiza lakhe le-The Daily Show  phambi kokuba enze elombulelo nakuMongameli waseMelika uDonald Trump.
”Enkosi kuDonald J. Trump ngeComedy. U-J umele uJesus, abantu abaninzi abayazi lo nto,” utshilo. 
Uluntu loMzantsi Afrika khange luthule nanjengoko luthe ”halala!” kuNoah ngale ngqwalasela ayifumeneyo.